Ezemidlalo

IPolokwane intywilisele iChippa yanyukela phezulu kwiBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi wePolokwane City, uPhuti Mohafe emdlalweni weMTN8 ekuqaleni kwesizini.

Image: BackpagePix

Ifuthela emagxeni amaqela aphezulu iPolokwane City emva kokuba izuze amanqaku amathathu namhlanje. Oku kulandela emva kokuba ibethe iChippa United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngale njikalanga.

Ukuphumelela kwalo iqela laseLimpopo kulithathe kwalinyusela phezulu kwindawo yesine. Lilandela iSekhukhune United ebethwa ngumoya phezulu. Emva kwayo kuhleli iMamelodi Sundowns elandelwa yiKaizer Chiefs kwindawo yesithathu.

Isiqale kakuhle isigaba sokuqala iChippa United ngoba ifumene igowuli kwangoko kakhulu emdlalweni. Emzuzwini wesihlanu, uAyabulela Konqobe ubhakuzelise umnatha. Ligowuli elinike iChippa ithemba lempumelelo yesibini emva kokuzibethela i'Orbit College ekuqaleni kwale veki.

Kuthe xa kuza kusongwa isigaba sokuqala somdlalo, uLebohang Nkaki ufake igowuli ngepenela emva kwebhola ebibanjwe ngesandla ngSeun Ndlovu ebhokisini. Phambi kokuphela komdlalo, uMMatuludi ufake ibhola ngentloko yatsho yaphumelela iPolokwane City.

Emidlalweni yayizolo, iSekhukhune United ibethe iGolden Arrows ngomzuzu wokugqibela ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obusePolokwane. IRichards Bay ifumene impumelelo ebalulekileyo ngethuba ibetha iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni.

IMagesi FC izibethele iSiwelele FC ngamagowuli amabini eqandeni. Yona i'Orbit College ibambene neMarumo Gallants ngegowuli elinye. Kanti yona iMamelodi Sundowns izingombele iDurban City ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obusebusuku.