Ezemidlalo

UBradley Grobler uncede iSekhukhune United sekuphela ixesha namhlanje

Pedro Mapelo|Published

UBradley Grobler uncede iSekhukhune United ebethe iGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership namhlanje.

Image: SU/Facebook

Iphinde yaphumelela kwakhona iSekhukhune United engxamele ukuxaka kwiPremier Soccer League. Oku kucace xa ibetha iGolden Arrows ngegowuli elinye eqandeni ngomzuzu wokugqibela emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.

Nangona bekubonakala ngathi umdlalo uza kuphela kungekho qela eliphumelelayo, uBradley Grobler ubhakuzelise umnatha njengesiqhelo yaphumelela iSekhukhune United engekabethwa nakanye kule sizini eqale kwinyanga ephelileyo.

Abafana Bes'thende aye emdlalweni wanamhlanje esophisa futhi enxanelwe impumelelo emva kokuba bebethwe yiPolokwane City ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obusekuqaleni kwale veki.

Yona iSekhukhune ibikhuthazekile emva kokuntywilisela Amakhosi ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium ngoLwesibini wale veki. Isahleli phezulu iSekhukhune United emva kokuqokelela ishumi elinethoba lamanqaku emidlalweni esixhenxe kule sizini.

Emva kwayo yiMamelodi Sundowns edlala ebusuku namhlanje. Komnye umdlalo, iMagesi FC iphumelele okokuqala ngokubetha iSiwelele FC ngamagowuli amabini eqandeni.