Amakhosi aqinisekisile ukuba uNasreddine Nabi akazu kuba yinxalenye yawo xa edlala umdlalo weCAF Confederation Cup ngomso emalanga.
Image: KC/Facebook
Namhlanje iKaizer Chiefs ikhuphe ingxelo malunga nomqeqeshi, uNasreddine Nabi, obesematheni kwezi ntsuku zimbini ezidlululileyo. Oku kwenzeke emva kokuba kuvakele iindaba ezithe iChiefs igqibe kwelokuba yohlukane noNabi ngesihle emva kokuba kuye kwacaca ukuba akayihlaziyanga ilayisenisi yakhe yokuqeqesha ngokomgaqo weCAF.
Iingxelo zamajelo eendaba zithi kuvele oku emva kokuba iChiefs ithumele amagama weqela eliza kuthatha inxaxheba kwiCAF Confederation Cup eqala ngale mpelaveki kwiindawo ezahlukileyo.
Amakhosi abhengeze amagama wabadlali nabaqeqeshi abase'Angola - apho aza kudibana neKabuscorp SCP emdlalweni weCAF Confederation Cup ngentsimbi yesihlanu emalanga ngomso. Emva kwazo zonke izinto ezenzekileyo kule veki, iChiefs ivumile ukuba uNabi akayonxalenye yeqela.
"Oku kukuqinisekisa ukuba umqeqeshi, uNasreddine Nabi, akayiyo inxalenye yeqela. Iingxoxo phakathi kwakhe neqela ziqhubela phambili. Ezi ziindaba zeqela zangaphakathi kwaye ziqwalaselwa liqela ngendlela yalo," itshilo ingxelo.
"Okwethu siliqela ngoku kukuqinisekisa ukuba kukho uzinzo eqeleni futhi nabadlali bafumana inkxaso eyaneleyo. Akukho ngxelo eza kwenziwa ngalo mba kwakhona. Siyayibulela inkxaso esiyifumanayo kubalandeli beChiefs nakwibhola ekhatywayo. Xa kukho into entsha, iya kupapashwa kumakhasi wethu onxibelelwano," itshilo ingxelo.
Amakhosi abuyela emidlalweni weCAF Confederation Cup esophisa emva kokungonjwa yiSekhukhune United ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weBetway Premiershi obusekuqaleni kwale veki.