Ezemidlalo

iFIFA iza kuthawuzisa emaplangeni uTeboho Mokwena noSAFA ngokusekweni!

Pedro Mapelo|Published

UTEBOHO Mokoena okuvela ukuthi udlaliswe kungafanele kowokuhlungela iNdebe yoMhlaba neLesotho ngoLwesihlanu.

Image: BACKPAGEPIX

Ingxelo ekhutshwe yiSABC Sport namhlanje ithi iFIFA ivule ngokusesikweni ityala ekumangalelwe kulo uTeboho Mokoena neSouth African Football Association (SAFA). Oku kulandela emva kokuba uHugo Broos wadlalisa uMokoena engafanelanga emdlalweni owawuphakathi kwaBafana Bafana neLesotho ekuqaleni kwalo nyaka.

Baphumelela ngamagowuli amabini eqandeni aBafana Bafana ekwakufanele ukuba akadlalanga kuwo uMokoena owayeqokelele amakhadi amabini emidlalweni engaphambili kwalo.

Zange ifake isikhalazo iLesotho ngomhla womdlalo - kodwa kubekho isankxwe emva koko esenziwe ngamaqela akhuphisana noMzantsi Afrika kuGroup C ngokuya kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo.

Ingxelo yeSABC Sport ithi iFIFA ivule ityala emva koko yanika uMokoena neSAFA iintsuku ezintandathu zokuphendula izityholo. Umthetho uthi umdlali ofumene amakhadi amabini, akadlali kolandelayo.

Waye wadlala uMokoena yena ngoba abaphathi zange baqaphele ukuba uMokoena akafanelanga kudlala emdlalweni. UMzantsi Afrika uhleli phezulu kuGroup C emva kokuqokelela ishumi elinesixhenxe lamanqaku.

Amanqaku amathathu aza kuthathwa kuMzantsi Afrika ukuba ufunyenwe unetyala. Lo nto iza kuwulinganisa neBenin ekwindawo yesibini - kodwa iza kuhlala kwindawo yokuqala ngenxa yamagowuli amaninzi.

Ukuze aBafana Bafana bakwazi ukuya kwitumente yehlabathi, kunyanzelekile babethe iZimbabwe neRwanda emidlalweni eshiyekileyo. Yomibini le midlalo uza kudlalwa kwinyanga ezayo eBotswana nalapha eMzantsi Afrika.