Ezemidlalo

USipho Mbule uthi abakwenziwe eSpain kuyincede kakhulu iPirates!

Pedro Mapelo|Published

USipho Mbule, ophumelele indebe yeMTN8, ubalule amalungiselelo we'Orlando Pirates ewenze eSpain phambi kokuqala kwesizini.

Image: OP/Facebook

Emva kokuba i'Orlando Pirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha, uSipho Mbule ubalule amalungiselelo awenziwe eSpain njengeyona nto ebeluncedo.

Ukuthethe oku emva kokuba iPirates ingcwabe iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weMTN8 Cup obubanjelwe eMbombela Stadium, eNelspruit, ngempelaveki edlulileyo.

Ibilityeli lesine iPirates iphakamisa indebe yeMTN8 ekhatshwe zizigidi ezilishumi zerandi (R10-million), kanti ibiyindebe yokuqala kaMbule njengomdlali omtsha wePirates. Emva kokuba edlalele aBafana Bafana ekuqaleni kweveki ephelileyo, uAbdeslam Ouaddou uqale ngaye umdlalo eMbombela Stadium.

Udlale kakuhle - kodwa indawo yakhe ithathwe ngu'Oswin Appollis emzuzwini wamashumi amathandathu ananye. Emva kweenguqu ezenziweyo, iPirates incedwe ngamagowuli afakwe nguTshepang Moreni (amabini) noTshegofatso Mabasa kwixesha elongezelelweyo. UMbule uthe indlela edlala ngayo ngoku iPirates ihambelana ncamashi nendlela eyenze ngayo amalungiselelo.

"Kubekho ukuxakeka kakhulu kwezi veki ezidlulileyo. Ndicinga ukuba indlela esisebenza ngayo yile besisebenza ngayo ngethuba silungiselela ukuqala kwesizini," utshilo uMbule kwiSuperSport TV emva komdlalo ogqithileyo.

Uzama ukuziphuthuma uMbule emva kokuchithwa yiSundowns ngenxa yokungakwazi ukuziphatha ekuthiwa kumgxothise nakwiSekhukhune United kwisizini edlulileyo. "Ndicinga ukuba kuye kwacaca emdlalweni ukuba sifithi. Kungenxa yomsebenzi esawenza eSpain nasemva kokubuya kwethi," utshilo phambi ngokubuyela kwakhe kwiqela lesizwe emva kwemidlalo embalwa kwiPirates.

"Iyandivuyisa indlela esidlale ngayo siliqela lesizwe futhi ndiyivuyele imizuzu endiyinikiweyo emdlalweni. Kodwa ukubizwa kwam ndikufanisa nendlela endikhuthazayo ukuze ndisebenze ngakumbi.

"Bekubalulekile kum ukubuyela kwiPirates ndenze umsebenzi ngendlela endidlale ngayo kwiqela lesizwe. Nokuba ndidlaliswa ndawoni esiswini, umsebenzi wam kukupheka," utshilo uMbule oteketiswa ngegama elithi Mpheki. IPirates iza kuqala imidlalo yeCAF Champions League ngempelaveki.