Ezemidlalo

UMiguel Cardoso ucacisa intsindabadala ebandakanya uKhuliso Mudau

Pedro Mapelo|Published

UMQEQESHI weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, unethemba lokusonjululwa kwengxaki kaKhuliso Mudau ngokukhawuleza.

Image: BACKPAGEPIX

IMamelodi Sundowns iye yehlelwa yinto engayiqhelanga; iingxaki zabadlali abaphambili abafuna ukuhamba. Phakathi kwabo badlali bekukho uPeter Shalulile, uLucas Ribeiro, uKhuliso Mudau nabanye.

Yena uShalulile uye wakhawuleza wabuyela kwiSundowns zakungalungi izinto zakhe - kanti yena uMudau ukhe wathi khebevu ekhaya nangona ebuyele enkampini ngoku. Nakubni sekulithuba eziqeqesha nabanye abadlali - kodwa okuqaphelekayo kukuba akekho kwiqela labadlali abaphambili abadlalayo.

Emva kokuba iSundowns ingombe iMagesi FC ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obuseLucas Moripe Stadium, uMiguel Cardoso uthathe ithuba wacacisa okwenzekayo kuMudau ophoswe yimidlalo yeqela lesizwe ngenxa yokungadlali.

"UMudau usazama ukusombulula imiba ethile kwiSundowns," utshilo uCardoso emva komdlalo ogqithileyo. Amasandawana onwabile ngoba abuyele phezulu kwiBetway emva komdlalo ancedwe kuwo ngamagowuli ka-Iqraam Rayners amabini nelikaKutlwano Letlhaku.

Umqeqeshi uthe uqinisekile ukuba iSundowns iza kuwusombulula umba kaMudau kungekudala. "UKhuliso uzama ukuqubisana nazo zonke iingxaki anazo kwiSundowns. Siqinisekile ukuba uza kusinceda ebaleni.

"Uzimisele ukuyinceda iSundowns kwaye ndiqinisekile ukuba abaphathi bazimisele ukumgcina uKhuliso Mudau. Sisonke naye ejimini futhi usebenza ngokuzimisela. Ndicinga ukuba uza kubuyela eqeleni kungekudala ngoba ezinye izinto sele zisonjululwe.

"Asikwazi ukuvele simdlali umdlali waBafana Bafana emva kwethuba ezijimela yedwa. Ndifuna adlale ngendlela eqhelekileyo xa esebaleni," utshilo uCardoso. Abaphathi beSundowns basajikajikana nomba kaLucas Ribeiro ohambileyo waya kwiqela laseSpain nakubeni enesivumelwano esingekapheli.

Wayefunwa liqela laseQatar ekuthiwa lalifuna ukumthenga ngemali eqikelelwa kwiR62-million. Iingxelo zamajelo eendaba zithi iSundowns yasikhaba eso siphakamisa ngelithi imali incinci. Kulapho uRibeiro apheqe khona kuba esithi iSundowns iyafeketha. Wabuna yena uShalulile yakungavumi ukumthengisa iSundowns.