Ezemidlalo

Wonelisekile uRassie Erasmus - kodwa uthi kusekho umnye umqobo

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko aphakamise indebe emva kokucambalalisa iNew Zealand emdlalweni obuseWellington kwiveki ephelileyo.

Image: Springboks/Facebook

Emva komsebenzi oncumisayo owenziwe liqela lakhe, uRassie Erasmus uvakalise uvuyo olukhulu - kodwa ukhawuleze wathi kufuneka iingqondo zibuye ngoba kusekho eminye imidlalo ebalulekileyo.

Ukuthethe oku emva kokuba Amabhokobhoko evuthulule iNew Zealand ngo'43-10 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obubanjelwe eSky Stadium, eWellington, ngentsasa yangoMgqibelo odlulileyo. UMzantsi Afrika uyibethele emsindweni iNew Zealand ebekuphumelele yona emdlalweni wokuqala kwibala ekuthiwa yiEden Park.

Ibikokokuqala iNew Zealand ibethwa ngo'43-10 embalini yombhoxo. Ukuphumelela kweqela likaRassie Eramus kuyinike ithemba lokukhusela indebe yeRugby Championship esavuleleke kuwo omane amaqela.

"Sasikhe sabethwa ngo'43-10 yiNew Zealand futhi ikwazile ukugcina irekhodi layo kwindawo esidlale kuyo emdlalweni wokuqala. Sizamkela ngovuyoo iziphumo zomdlalo wanamhlanje," utshilo uRassie encumile emva komdlalo. Ufumene iziphumo emva kokwenza iinguqu eziliqela zingekho ezinye iziqwayi zakhe zabadlali.

"Indlela abadlali abasebenze ngayo iyasivuyisa futhi nabangadlalanga babenalo igalelo emdlalweni. Ndoneliseke kakhulu yindlela abadlali abatsha ababonise ngayo ukuba bangadlala emidlalweni esemgangathweni ophezulu. Sinabadlali abonzakele abaquka uLood de Jager naye uAphelele Fassi.

"Into ebesiyifuna phambi kwalo mdlalo ibikukubuyisela ukuzithemba ebadlalini. Kuhle ngoba sibuyele kwindawo yokuqala kwihlabathi - kodwa sinemidlalo emibini enzima esiza kuyidlala neArgentina edlala kakuhle," utshilo uErasmus.

USiya Kolisi wongeze ngelithi iingqondo zabadlali bezisemdlalweni ngoba baxelelwa kwangoko ukuba mabalibale ngokubethwa emdlalweni wokuqala. "Umqeqeshi usinikile ilungelo lokudlala ngokukhululekileyo ebaleni.

"Njengokuba abanye abantu bebesathetha ngeempazamo zethu, thina besibeke iingqondo zethu kwindlela yethu yokudlala sizithembile," utshilo uKolisi oncome umqeqeshi wakhe ngokusebenzisa abadlali abasakhulayo ngendlela encomekayo.