UMzantsi Afrika ubuyela ekhaya uncumile emva kokuphumelela imidlalo emibini kwitumente yehlabathi okokuqala.
Image: SA Women's Rugby
Amantombazana adlala umbhoxo abuyela ekhaya ekhuthazekile emva kokwenza imbali kwi2025 Rugby World Cup. Emva kokubethwa yiNew Zealand ngo'46-17 emdlalweni wokugqibela weRugby World Cup ngempelaveki egqithileyo.
UMzantsi Afrika waphumelela umdlalo wokuqala ngokubetha iBrazil ngo'66-6 waze walandelisa ngokubetha i-Italy ngo'29-24 phambi kokubethwa yiFrance. Ukuphumelela imidlalo emibini kwenze imbali ngoba kuthathe iSpringbok Women kwasisa kumjikelo olandelayo okokuqala kwitumente yehlabathi yombhoxo.
Nangona iSpringbok Women soyiswe kumjikelo wesibini ebesiqala ukungena kuwo, uSwys de Bruin uthi uyaziqhenya ngomsebenzi omhle owenziwe ziintombi zakhe kwitumente esemgangathweni ophezulu. Ukholelwa kwelokuba asobe ziphinde zijongelwe phantsi emva kokusokolisana neNew Zealand kwisigaba sokuqala emdlalweni wokugqibela ezibethwe kuwo.
"Ndiziqhenya kakhulu. Jonga indlela ezidlale ngayo iintombi zethu. Ngoku zingumzekelo nesibonelo esihle kwezinye eMzantsi Afrika. Maninzi amahlandenyuka - kodwa ndinombulelo ngaphakathi," utshilo uDe Bruin emva komdlalo obubanjelwe eSandy Park.
"Amaqela afana ne-Ireland abethiwe yiNew Zealand. Kanti amanye akakwazanga nokufumana itrayi enye. Xa uzama ukunyusa umxakatho, iNew Zealand itsiba ngaphaya kwakho. Iyamangalisa indlela edlala ngayo. Ngo2017, ndandithe asinawo amandla. Kanti ngo2022 zange sikwazi ukuphumelela namnye umdlalo.
"Ngoku sikwazile ukufikelela kwisigaba sesibini setumente futhi sikwazile nokufumana iitrayi ezintathu. Ndicinga ukuba amanenekazi adlala umbhoxo ahluphezekile eMzantsi Afrika," utshilo umqeqeshi echwayitile.