uAbdeslam Ouaddou uvakalise uchulumanco emva kokuba i'Orlando Pirates ibethe iStellenbosch FC ngo'3-0 emdlalweni weMTN8 obuseMbombela Stadium, eNelspruit, kwiveki ephelileyo.
Image: OP/Facebook
Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, yindoda naye ngoku phakathi kwamanye amadoda. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ivuthulule iStellenbosch FC ngo'3-0 emdlalweni weMTN8 Cup otake iintlantsi eMbombela Stadium, eNelspruit, ngoMgqibelo odlulileyo.
Ngokuphumelela kwayo iPirates, itsho yaliqela lokuqala eliphakamise indebe yeMTN8 iminyaka emine ilandelelana. Kwelinye icala, uAbdeslam uphakamise indebe yokuqala njengomqeqeshi wePirates ebomini bakhe.
Uvakalise uchulumanco emva kokuphumelela kweqela lakhe - kodwa wathi loo nto ayimenzi umqeqeshi obhetele ngoba kusenokwenzeka ukuba abanye abantu basambona njengomqeqeshi ongakufanelanga ukuqeqesha iPirates.
Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, ebekhe wagxekwa kakhulu ngabalandeli abangazange bakholwe kukungadlalisi abadlali abathile. "Okwenzekileyo akundenzi umqeqeshi owahlukileyo kwiinyanga ezidlulileyo. Mhlawumbi abanye abantu basabona ipulamba xa bendijongile," utshilo umqeqeshi emva komdlalo obuseMbombela Stadium.
"Andiziboni ndibhetele kuSteve Barker kuba ndiphumelele. Ndimhlonipha kakhulu ngoba ungumqeqeshi oqeqesha iqela elidlala kakuhle kakhulu. Sonwabile kakhulu emva kokuphumelela. Yinto eqhelekileyo le ngoba iPirates inethuba elide iphumelela iindebe.
"Into engade iqheleke kukuba kufuneka isetyenzelwe impumelelo. Asiphumelelanga lula ngoba umdlalo ububambene. Kum into ebalulekileyo kukuqhubela phambili nokuphucula iqela," utshilo uAbdeslam oncede iPirates yathatha indebe ekhatshwa yiR10-million.
"Andinaxhala mna. Abantu babethandabuza umqeqeshi - kodwa njengoko ndihlala ndisitsho, kufuneka ubenomonde ebholeni ekhatywayo. Xa ufika eqeleni elinabadlali abalishumi abatsha, kufanelene imilesele indlela ecacileyo yokudlala.
"Andithethi kanje kuba uRiveiro ebeqhube kakuhle. Kubalulekile ukuhamba emzileni awushiyileyo - kodwa songeze kwakushiyileyo," utshilo uAbdeslam osebenze egodle ingalo emva kokubandakanyeka engozini yemoto kwiiveki ezidlulileyo.