IManzomthombo S.S.S ithi iza kusebenzela ukubuya nendebe kwitumente yomnyazi eya kuyo eSingapore ekuthambekeni kwalo nyaka.
Image: Uthunyelwe
Eyona tumente yezikolo enkulu eMzantsi Afrika, iKay Motsepe Schools Championship, ivelise iintshatsheli ezintsha kwakhona kulo nyaka. Izikolo ezithe zaphuma phambili yiManzomthombo Secondary School neHelpmekaae Kellege ekupheleni kwinyanga ephelileyo.
Konke oku kwenzeke emva kwesinye isiqendu semidlalo yomnyazi esibalulekileyo seKay Motsepe Schools Championship ibambisene nesebe leZemfundo, iSA Schools Netball noSanlam ongumxhasi omkhulu. Ngamashumi amathathu onke ezikolo ezithathe inxaxheba eziqale zatshatshela kumaphondo ngokwahlukana kwawo.
IManzomthombo yaseNtshona Koloni, ebethe iMajeje Secondary School ngo'12-9, iza kumela uMzantsi Afrika kwilizwe laseSingapore. UTitshala, okwanguye nomqeqeshi weqela labantwana (Under-14, Under-19), uMnu. Frank Xaba, uthe bavuye kakhulu besisikolo ngoba baneminyaka bezama ukuphumelela.
"Kusivuyise kakhulu ukuphumelela itumente. Yiminyaka esixhenxe sizama - kodwa siwe kwindawo yesibini okanye kweyesithathu," utshilo uXaba. "Abantwana bayavuya ngoba siziintshatsheli namhlanje. Umahluko kulo unyaka kukuba sizilungiselele unyaka usaqala.
"Ndathi ebantwaneni masilungiselele ukuphumelela nokuba yeyiphi itumente esiza kuyidlala kulo nyaka. Yilo nto endicinga ukuba iye yabakhuthaza ukuze bakwazi ukuphumelela. Amalungiselelo okuya eSingapore aqhubela phambili - kodwa sisenengxaki yeepasipoti," utshilo utitshala.
"Sizama ukubenzela zona ngoku noxa singazi ukuba ziza kuthatha ixesha elingakanani. Nakanjani, siyaya eSingapore nokuba sihambe sibathathu," utshilo uXaba. IManzomthombo iza kulwela ukuphumelela yonke imidlalo yayo.
"Siza kuya phaya sizimisele ukufunda - kodwa injongo yethu ephambili kukuphumelela ukuze sibuyele ekhaya siziintshatsheli. Kungakuhle ukuba abadlali esinabo bangadlala umnyazi nakule minyaka emine ezayo ukuze bakwazi ukudlalela amaqela adlala kwiNational Netball League. Ngaphezulu, bangalidlalela neqela lesizwe," utshilo umqeqeshi.
UPeter Ledwaba weMotsepe Foundation noVirginia Nkosi wakwaSanlam bavakalise ukoneliseka ngumsebenzi owenziweyo batsho bewaqhwabela izandla amaqela aphumeleleyo.