iMamelodi Sundowns ingombe iMagesi FC ngo'3-0 emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga.
Image: Mamelodi Sundowns/Facebook
Emva kwebathwana lemidlalo kwisizini entsha, amaqela sele eqalile ukuhluzana. Oku kucace namhlanje ngethuba iMamelodi Sundowns ibuyela phezulu kwiBetway Premiership emva kokuvuthulula iMagesi FC ngo'3-0 emdlalweni obubanjelwe eLucas Moripe Stadium malanganje.
Noxa uMiguel Cardoso ezigcinile iintsika zakhe esiswini - kodwa uye waqala umdlalo ngamadoda aquka uMosa Lebusa noThapelo Morena. Umdlalo uqale ngokubambana ixesha elide futhi kucaca ukuba iMagesi ilwela ukuba kungafakwa gowuli kuyo.
Ekuhambeni kwexesha, ide yagqobhoza iSundowns ngebhola efakwe ngu-Iqraam Rayners. Kwango emva koko, iSundowns iwuthathele kuyo umdlalo obuthande ukuba rhabaxa kancinci. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns iphala phambili ngegowuli elinye eqandeni.
Akukho nto ecacileyo eyenziwe liqela likaJohn Maduka ngoba belonganyelwe yiSundowns. Inye yibhola ekhatywe nguWonderboy Makhubu ecacileyo efike yaxakekisa uRonwen Williams obesekhefini ebaleni. Ukhawuleze waxakeka kakhulu uElvis Chipezeze kwisigaba sesibini ngoba iSundowns iquqe ibuyelela okwezulu laseMthatha.
Khange kube kudala siqalile isigaba sesibini, uKutlwano Letlhaku ubhakuzelise umnatha ngebhola entle ayifumene nguMorena. Oku kwenzeke iMagesi seyidlala ingaphelelanga ngenxa kaSamuel Darpoh okhutshwe ngekhadi elibomvu emva kokudlala kakubi uArthur Sales.
Uphinde wafaka igowuli lesibini uRayners yatsho yaphumelela ngamagowuli amathathu iSundowns. Inamanqaku alishumi elinesine ngoku ewafumene emidlalweni emithandathu.