Ezemidlalo

IPirates ingcwabe iStellenbosch yaphakamisa iMTN8 Cup okwesine!!!

Pedro Mapelo|Published

Ziintshatsheli kwakhona i'Orlando Pirates ebethe iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu emdlalweni weMTN8 namhlanje.

Image: BackpagePix

Zibhalwe ngokutsha iincwadi zembali namhlanje ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika. Oku kwenzeke emva kokuba i'Orlando Pirates ingcwabe iStellenbosch ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weMTN8 Cup obubanjelwe eMbombela Stadium namhlanje ebusuku.

Agowuli afakwe nguTshepang Moremi noTshegofatso Mabasa ancede iPirates yatsho yaphakamisa indebe yeMTN8 ityeli lesine iminyaka ilandelelana. Kanti kwelinye icala, uAbdeslam Ouaddou utsho wafumana indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi kwibhola ekhatywayo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Noko kunjalo, yiPirates ebiquqa ibuyelela ezipalini zeStellenbosch FC engakwazanga ukusebenzi kakuhle amathuba ewafumeneyo. URelebohile Mofokeng, owanceda iPirates emdlalweni weMTN kwisizini egqithileyo, ufumene ithuba emva kokudlula emadodeni eqinisile, kodwa ngelishwa lakhe, ibhola yakhe ifike ethe qwa uSage Stephens ezipalini.

Umdlali owaziwa ngokukhaba ekude, uThalente Mbatha, uzamile naye emzuzwini weshumi elinesithathu akwalunga. USipho Mbule noKamogelo Sebelebele bankqonkqozile bezama ukufumana igowuli ebelinokunika iPirates amandla.

Ibidlala ngobulumko iStellenbosch ngoba ibisazi kakuhle ukuba ingonzakaliswa yiPirates eziintshatsheli ezikhuselayo. USanele Barns noDe Jong bencediswa nguMojela bazamile ukuhlasela - kodwa amazibuko ebevalwe mba nguMbokazi noSeema emva. Omabini amaqela angene kwisigaba sesibini edlalela ukufumana igowuli kwisigaba sesibini.

Iqhubele phambili iPirates nokuhlasela nakwisigaba sesibini. UMakgopa (Evidence) uphose ithuba elihle ejongene noStephens phambi kweepali. Nangona iPirates iphinde yafumana inqwaba yamathuba, ayikwazanga ukuwasebenzisa kwade kwaphela ixesha lomdlalo.

Kuyiwe kwixesha elongezelelweyo ngoba khange kubekho iqela elivumayo ukubethwa. IPirates iphumelele ngamagowuli afakwe nguMoremi (amabini) nelikaMabasa kwixesha elongelelweyo. Kokwesibini iStellenbosch ibethwa yiBucs kule sizini.