USwys de Bruin unethemba lokuba iSpringbok Women iza kudibana neNew Zealand emdlalweni wetumente yehlabathi.
Image: Facebook
Umqeqeshi weSpringbok Women, uSwys de Bruin, unethemba lokwenza imbali nakubeni linomqobo omkhulu phambi kwalo. Indedeba yakwaDe Bruin ivakalise indlela eziva ngayo emva kokungonjwa kweSpringbok Women esingonjwe ngo'57-10 yiFrance emdlalweni weNdebe yeHlabathi obunzima eNorthampton ngeCawe edlulileyo.
Nangona iqela lakhe lemiqheliswa lidlakaziwe yiFrance – kodwa yena umqeqeshi akakhubekanga ngoba ukwazile ukunika abanye abadlali ithuba lokuziva amandla emdlalweni ophezulu. Ngethamsanqa, uMzantsi Afrika uye wazibekela indawo kwangoko kumaqela asibhozo aya phambili kwi2025 Women's Rugby World Cup.
Uvumile uDe Bruin ukuba imothusile indlela edlale ngayo iFrance. "Idlale kakuhle kakhulu iFrance. Thina asikwazanga ukudlala kakuhle. Enyanisweni besidibene neqela elikwindawo yesine kwihlabathi. Onke amaqela amakhulu aphumelele ngendlela encumisayo kule mpelaveki.
"Loo nto ibonisa umsantsa ophakathi kwethu nawo," utshilo uDe Bruin emva komdlalo ogqithileyo. Umqeqeshi uqinisekisile ukuba uMzantsi Afrika uza kudibana neNew Zealand emdlalweni oza kube ungentsimbi yesibini emalanga ngoMgqibelo ukwisimo esihle kakhulu.
"Zikhona izinto ezincomekayo noxa singaphumelelanga. Besiphumze abadlali bethu abalithoba emdlalweni odlulileyo. Baza kube bekhona xa sidibana neNew Zealand emdlalweni olandelayo. Namhlanje sigibisele abadlali abalithoba emdlalweni wetumente yehlabathi. Yinto esiyithatha njengendlela esilungiselela ngayo ikamva leqela lesizwe," utshilo umqeqeshi.
UMzantsi Afrika uza kunyuka umnqantsa xa udibana neNew Zealand eziintshatsheli zehlabathi – kodwa umqeqeshi unethemba lokwenza imbali. "Ngamaqela alishumi elinesithandathu abelapha – kodwa ngoku asibhozo agodukile. Sisenalo thina ithuba lokubhala iincwadi zembali nangona singajongelwanga ntweni.
"Njengokuba uyibonile indlela edlale ngayo iFrance, abadlali bethu khange banikezele futhi ngabo abagqibeleyo ukulala emgceni. Siya emdlalweni ozayo sinelo futhe esicinga ukuba liza kusinceda emdlalweni ozayo," utshilo uDe Bruin.