ULyle Foster uncede aBafana Bafana ngegowuli emdlalweni obukwiveki ephelileyo eBloemfontein.
Image: Backpagepix
Ifolosi yaBafana Bafana, uLyle Foster, uyigalele amanzi into ethi baza kudlala bephantsi koxinizelelo emdlalweni wangomso. UFoster uvakalise indlela aziva ngayo phambi komdlalo omkhulu ophakathi koMzantsi Afrika neNigeria ngentsimbi yesithandathu ngorhatya eFree State Stadium, eBloemfontein.
ABafana Bafana baya emdlalweni bekhuthazekile emva kokungomba iLesotho ngo'3-0 emdlalweni ogqithileyo. Nayo iNigeria inamandla emva kokuba ibethe iRwanda ngegowuli elinye emdlalweni ogqithileyo.
Njengokuba amazwe ethe gabhu emidlalweni ehlahla indlela eya kwi2026 FIFA World Cup, uMzantsi Afrika uthe ngcu phezulu kuGroup C emva kokuqokelela ishumi elinesithandathu lamanqaku.
Kodwa kusekho izembe elijongayo phezulu kwentloko yayo ngoba yadlalisa uTeboho Mokoena enamakhadi. Zange kubekho qela elamangala ngexesha elimiselweyo nangona onke efuna uMzantsi Afrika uthathelwe amanqaku amathathu. Nayo iNigeria inethemba lokusondela kuMzantsi Afrika ukuba uthathelwe amanqaku.
Njengokuba uMzantsi Afrika usecicini lokuya kwitumente yehlabathi owagqibela ukudlala kuyo ngonyaka ka2010, amanye amazwe azama ukubamba indawo yesibini okungenani ukuze afumane elinye ithuba lokulwela ukuya kwiNdebe yeHlabathi.
"Andoqondi ukuba kukho uxinizelelo kuthi. Izinto zisasihambela kakuhle kwindawo esikuyo," utshilo uFoster emva komdlalo obuseBloemfontein kwiveki ephelileyo. Lo mdlali weBurnley edlala kwiEnglish Premier League izifumanele igowuli emdlalweni ogqithileyo.
"Uxinizelelo kusemaqeleni azama ukuleqa thina - kodwa andizami kuthi kufuneka sibuyise unyawo. Kufuneka siye emdlalweni sizixelele ukuba kufuneka sidlalele ukuphumelela. Siqhube kakuhle ukuza kuthi ga ngoku futhi kubalulekile ukugqiba ngendlela encumisayo," utshilo uFoster.
La mazwe mabini abambana emdlalweni wokuqala eNigeria. ABafana Bafana baza kulwela ukuyibetha iNigeria eyasinda kwiAfrica Cup of Nations kunyaka ophelileyo.