Ezemidlalo

UTemba Bavuma uvuma induku yamaNgesi emva kwehlazo layizolo

Pedro Mapelo|Published

UTemba Bavuma uvumile ukuba uMzantsi Afrika awenzanga kakuhle emva kokuba uhlazwe yiNgilane emdlalweni wayizolo.

Image: Cricket SA/Facebook

Baphume benyoshoza abadlali beqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika emva kokuhlazwa emdlalweni wayizolo. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethelwe oogqirha nezicaka yiNgilane ephumelele ngamakhulu amathathu anamashumi amane anesibini (342) emitsi emdlalweni wosuku olunye eSouthampton.

Indlela iProteas edlale ngayo iphoxe abantu abaninzi ngoba ingene emdlalweni seyiphumelele imidlalo emibini ilandelelana. Obe kufuneka kukuyicishilela iNgilane - kodwa endaweni yoko, kuphambene izinto. Kanti phambi koko kwenzeke umhlola ngethuba uMzantsi Afrika, okhethe ukuqhokra kuqala, ukhutshwe wonke wenze igcuntswana lemitsi engamashumi asixhenxe anesibini (72).

Nangeminyaka obungaqhubi kakuhle ngayo, zange ubethwe ngendlela obethwe ngayo yiNgilane. Emva komdlalo, uTemba Bavuma uyivumile induku yeNgilane. "Inyathele phezu kwethu iNgilane. Mandivume, asidlalanga kakuhle emdlalweni wanamhlanje kuzo zonke iindawo. Indlela esiwathathe ngayo lo mdlalo khange ilunge kwa sekuqaleni," utshilo uBavuma.

Uthe indlela embi abajule ngayo kumangeno wabo ibonakele kwimigido emdlalweni. "Besisazi ukuba siza kuhamba nzima xa siqhokra ngoba abadlali beNgilane bafake uxinizelelo ngamandla.

"Ukushwankathela indlela esidlale ngayo, ndingathi ibimbi kakhulu," utshilo uKapteni oxoliswe kukuba uMzantsi Afrika uyoyisile iNgilane emidlalweni emibini nangona iye yabhoka kowesithathu. UBavuma ulebele ngelithi yena noogxa bakhe baza kuthatha okuhle abakuzuze emidlalweni egqithileyo baye phambili.