Ezemidlalo

UMzantsi Afrika uvuthulule iLesotho zacima izibane eBloemfontein

Pedro Mapelo|Published

ABafana Bafana bavuthulule iLesotho ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseToyta Stadium namhlanje ngorhatya.

Image: Facebook

UMzantsi Afrika ubethelele indawo yawo phezulu emva kokuphumelela ngendlela encumisayo. Oku kwenzeke emva kokuba uvuthulule iLesotho ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni ohlakulela i2026 FIFA World obubanjelwe eToyota Stadium namhlanje ngorhatya.

Ngumdlalo ekungenwe kuwo iLesotho igrogrisa ngokumangalela uMzantsi Afrika ukuba usebenzise uTeboho Mokoena. Khange ayihoye lo nto uHugo Broos ngoba umdlalisile umdlali wakhe odlala kukho isikrokro ngenxa yokudlaliswa kwakhe ngempazamo ePolokwane enamakhadi.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla aBafana Bafana behamba phambili ngegowuli elifakwe nguMohau Nkota kwangoko kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo. Ebekhona amathuba okongeza amagowuli - kodwa amakhwenkwe kaHugo Broos awakwazanga ukuyohlwaya iLesotho eqhothozileyo nayo.

Umdlalo wona ubulawulwa nguMzantsi Afrika obuthe chu. UNyiko Mobbie noKhulumani Ndamane abakwazanga ukugqiba umdlalo ngenxa yokonzakala. Kwisigaba sesibini, uLyle Froster ubhakuzelise umnatha emva kokuba unozinti eyichithele kuye ibhola ebikhatywe nguAubrey Modiba.

Kugqithe imizuzu embalwa, uOswin Appollis ufake igowuli lesithathu kwaphela ngeLesotho. Ukuphumelela kunike aBafana Bafana amandla phambi kokudibana neNigeria emdlalweni omkhulu oza kube useToyata Stadium, eBloemfontein, ebusuku ngoLwesibini weveki ezayo.

Omabini amazwe aza kudlalela ukuphumelela njengesiqhelo. Iza emdlalweni iNigeria inethemba lokuthathwa kwamanqaku kuMzantsi Afrika owadlalisa uMokoena engafanelekanga. Nangona kunjalo, yona iNigeria ikude kuMzantsi Afrika ngayo yonke into.