UKhanyisa Mayo ukhangela iqela elitsha emva kokuxelelwa ukuba akasenayo indawo kwiCR Belouizdad.
Image: Facebook
Kulindeleke ukuba uKhanyisa Mayo axoze omnye umphini emva kokutshelwa zizicheku kwiqela laseAlgeria. Oku kucace gca emva kokuba iCR Belouizdad igqibe kwelokuba lingambhalisi njengomdlali wayo kwisizini entsha kwiAlgerian League 1.
UMayo, 27, waba ngumdlali weCR Belouizdad ukusukela kunyaka ophelileyo emva kokuthengwa kwakhe ngemali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi elinesine zeerandi (R14 million) kwiCape Town City aziqaqambise kuyo njengomnye wabadlali abaphambili kwicala lokufaka amagowuli kwiminyaka edlulileyo.
Wahamba efunwa shushu yiKaizer Chiefs eyayizimisele ukubeka imali ebonakalayo etafileni yeCape Town City ethotyiselweyo ekupheleni kwesizini egqithileyo. Ezi ziindaba ezimbi kuMayo odinga iqela esakhangela indawo yakhe kwiqela lesizwe elilungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations ne2026 FIFA World Cup.
Umqeqeshi weCR Belouizdad, uSead Ramavic, uqinisekisile ukuba uMayo akasenayo indawo kwizicwangciso zakhe zesizini entsha watsho emnqwenelela okuhle apho aza kudlala khona.
"Ndim othathe isigqibo sokungambhalisi uMayo, hayi omnye umntu," utshilo uRamavic ethetha neDiski Times kule veki. Lo mqeqeshi obekade eqeqesha iTS Galaxy apha eMzantsi Afrika, ucacisile ukuba kutheni engamfuni uKhanyisa Mayo kwisizini yesibini.
"UMayo ngumdlali oziphethe kakuhle futhi endimhloniphayo. Ebholeni sijonga ixesha nendima enokudlalwa ngumdlali eqeleni. Ndicinga ukuba ufanelwe yenye indawo kwaye ndimnqwenelela okuhle kodwa," utshilo uRamovic owaziwayo ngokuthanda abadlali abakhutheleyo.
Emidlalweni engaphezulu kwamashumi amane, uMayo ufake amagowuli amathandathu kuphela kwisizini yakhe yokuqala. Phambi kwesizini entsha, iCR Belouizdad ifumene abadlali abahlaselayo abathathu ekucingeleka ukuba ngabo ababangele angabinayo indawo.
Akukacaci nokuba uMayo uza kukhululwa na njengokuba kungekabikho qela elimthathayo nokuba kungemboleko. Ukuba iCR Belouizdad iqhawula isivumelwano sengqesho, kungenzeka kubekho amaqela amthathayo eMzantsi Afrika.