Ezemidlalo

'Kundivuyisa kakhulu ukubuyela kwiqela lesizwe' - utsho uMbule

Pedro Mapelo|Published

Master Chef: USipho Mbule weOrlando Pirates uzimisele ngokudlalela aBafana Bafana emva kokubizwa nguHugo Broos.

Image: Phakamisa Lensman/BackpagePix

Omnye wabadlali abaphambili ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika, uSipho Mbule, uvakalise uvuyo olukhulu emva kokubizelwa kwakhe kwiqela lesizwe. Emva kokungafumaneki kukaPatrick Maswanganyi ngenxa yokonzakala emdlalweni obungempelaveki edlulileyo, uHugo Broos ubize uMbule endaweni yakhe.

Oku kwenzeka kuMbule akubothusanga abantu abaninzi ngoba udlale kakuhle phantse kuyo yonke imidlalo ayidlalileyo kwiOrlando Pirates. UBroos uthe uMbule ngoyena mdlali okufaneleyo ukungena endaweni kaMaswanganyi ngoba udlala kakuhle.

Kulindeleke ukuba uMbule, 27, abe ngomnye wabadlali ababalulekileyo xa aBafana Bafana bedibana neLesotho neNigeria kule veki nakwiveki ezayo ngokulandelelana eBloemfontein Stadium. Nangona le midlalo yomibini ibiqale yafuduselwa eDr Molemela Stadium ngabaphathi beFIFA – kodwa ibuyiselwe eBloemfontein Stadium kwakhona.

Yomibini yimidlalo ehlakulela i2026 FIFA World Cup. ABafana Bafana bahleli phezulu futhi banethuba lokubuyela kwitumente yehlabathi okokuqala emva kweminyaka elishumi elinesihlanu.

"Kundivuyisa kakhulu ukubuyela kwiqela lesizwe. Sekulithuba elide ndingabonakali kulo. Ndonwabile ngoba umsebenzi wam undibuyisele kwiqela lesizwe. Kufuneka ndisebenze ngamandla ukuze ndibethelele indawo yam," utshilo uMbule kwikhasi lomnatha lePirates.

UBroos uhlanganise abadlali abathembileyo kwiqela lesizwe ngoba ufuna iziphumo ezihle kuyo yomibini imidlalo. "Sikwazi kakuhle ukubaluleka kwemidlalo esiya kuyo. Sifuna ukuyiphumelela yomibini ukuze siye kwitumente yehlabathi," utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki.

UMbule uzama ukuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo aziwa ngaso emva kokugqwidiza eminyakeni embalwa edlulileyo. Kwisizini ephelileyo, uhambe phambi kwexesha kwiSekhukhune United ekuthiwa yayikhala ngokungaziphathi kakuhle kwakhe.

Kanti neSundowns ebibolekise ngaye yoyiswa nguye ukuze imtyekezele kwiSekhukhune. Sekubonaka ukuba izinto ziza kumhambela kakuhle kwiPirates ukuba ingqondo yakhe uyibeka emsebenzini wakhe.