ULuc Eymael ukhala ngabadlali abangenawo amava kwiChippa United engonjwe yiOrlando Pirates eGqeberha.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Isizini isaqala, iChippa United izibhaqa isezantsi kwindawo yeshumi elinesithandathu. Oku kwenzeke emva kokuba ingakwazanga ukuphumelela namnye umdlalo kweyeBetway Premiership eyidlalileyo. Emidlalweni emihlanu, iChippa isafumene inqaku elinye kuphela.
Noxa kungekonakali nto kakhulu – kodwa akukuhlanga kakhulu. Kucace kakhulu ngethuba iChippa itywatyushwa yiOrlando Pirates ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngeCawe.
Ibingumdlalo wokuqala phantsi kukaLuc Eymael njengomqeqeshi. UMnu. Siviwe Mpengesi ubaleke wayokuthatha uEymael emva kokugxotha uSinethemba Badela emva kwemidlalo emibini kuphela. Kuthiwa uBadela zange abone ngasonye noSinesipho Mali (umphathi omkhulu) malunga nabadlali abafanele kukutyikitywa liqela.
Yena uLuc Eymael unomsebenzi onzima kakhulu wokuncothula iChippa United emsileni ehambele kude kuwo iisizini ezimbini zonke zilandelelana. Zikhona izinto akhale ngazo emva komdlalo. "Kwakhona siphise ngegowuli ngokufanayo nomdlalo ogqithileyo. Ngelishwa lethu, amagowuli anjeya ayawuguqula umdlalo," utshilo uEymael ethetha neentatheli emva komdlalo.
"Ndinabadlali abancinane abaninzi eqeleni. Ukuvula kungene amagowuli kwangoko kufana neklisimesi kwiqela esidlala nalo. Kubalulekile ukuziphepha izinto ezifana naleya yenzekile ukuba sifuna ukuphucula indlela esidlala ngayo. Sizamile ukudlala ngcono emdlalweni – kodwa khange ndimbone unozonti wePirates ebamba ibhola.
"Usemninzi umsebenzi ofuna ukwenziwa futhi ndize ndiyazi leyo into. Sizamile ukuzilungisa ezinye iimpazamo ngethuba sidlala neRichards Bay – kodwa hayi wonke umntu uyibambile indlela endifuna sidlale ngayo," utshilo uEymael othe iChippa inabadlali abaninzi abangenawo amava.
"Ukhona wona umahluko omncinci. Kubalulekile kuthi ukuncothula iChippa United kwindawo ekuyo ngoku. Zange ndaqeqesha iqela elikwindawo ekuyo iChippa ngoku – kodwa nakwiFree State Stars zange ndiyiphumelele imidlalo yokuqala.
"Emva kwethuba izinto zaye zaphucuka. Ndicinga ukuba sidinga abadlali abanamava ngoba sinabadlali abasakhulayo abaninzi. Enye into abadlali abekho fithi," utshilo umqeqeshi. Kulindeleke ukuba iChippa ikhuphele umsindo kwiOrbit College emdlalweni oza kube useMonti kwiiveki ezizayo.