UPatrick Maswanganyi noDeon Hotto bancede iPirates evuthulule iChippa United namhlanje eGqeberha.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Iyophisa kwakhona iChippa United engcwatyelwe ekhaya emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa ingonjwe yiPirates ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obuhamba ngesantya esiphezulu eNelson Mandela Bay Stadium.
UPatrick Maswanganyi ubhakuzelise umnatha emzuzwini weshumi kwisigaba sokuqala emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali basemva. Inyuse umxakatho iPirates eye eGqeberha ikhuthazekile emva kokuba ibethe i'Orbit College ngegowuli elinye emdlalweni obuphakathi evekini.
UDeon Hotto ufake igowuli lesibini emva kwenye impazamo eyenziwe ngabadlali beChippa endaweni embi. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ibethwa ngumoya iPirates. Kwisigaba sesibini, uMoreni ufake igowuli lokugqibela. Izamile ukulwa iChippa United kwisigaba sesibini emdlalweni.
Kodwa ngelishwa layo, iinzame zayo azibuyanga nanto. Emidlalweni emihlanu kule sizini, iqela laseMpuma Koloni lihleli ekugqibeleni. Yona iPirates ihleli kwindawo yesine ngamanqaku alithoba egameni layo. Komnye umdlalo, iMarumo Gallants ibambene ngegowuli elinye nePolokwane City.