uAbdeslam Ouaddou ubaqhwabele izandla abadlali nabaqeqeshi emva kokuphumelela kwe'Orlando Pirates.
Image: Itumeleng English
Umncome akapheza umqeqeshi we'Orlando Pirates emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo ngempelaveki egqithileyo. Oku kuza emva kokuba iPirates ibethe iMamelodi Sundowns ngo'4-1 kwipenela emdlalweni weMTN8 obumhle eLucas Moripe Stadium.
Usompempe uwase kumapenela amaqela emva kokuba kungabangakho elifuna ukubethwa emizuzwini engamashumi alithoba. USipho Chaine uvale iipenela ezintathu eyedwa - into eyandise amathuba ePirates okukhusela indebe yeMTN8 ityeli lesine.
Nangona iPirates ityelele iqela lasePitoli iphantsi koxinizelelo emva komdlalo owaphela ingu'1-1 eSoweto - kodwa ikwazile ukulwa kwakhona kwiSundowns eye yakhokela ngegowuli elifakwe ngu-Iqraam Rayners.
Uphinde wayihlangula uKamogelo Sebelebele ngegowuli alifake sekuphela ixesha kwisigaba sesibini ukuze kunyanzeleke ukuba kuyiwe kwiipenela. Emva komdlalo, uAbdeslam Ouaddou uwuncomile umsebenzi owenziwa ngabadlali nabaqeqeshi asebenza nabo. Ukuphumelela imidlalo emibini kwiveki enye yinto enkulu emva kokugxekwa kwakhe kakhulu ekuqaleni kwesizini.
"Ndiwenza ngenkulu intshisakalo umsebenzi wam. Ndiyabathanda abadlali bePirates nabantu endisebenza nabo. Ndeza ndodwa kwiPirates endaweni yokuza nabantu abathandwa ndim ngoba ndiyazi apha eAfrika sinabo abantu abakwaziyo ukwenza umsebenzi," utshilo uAbdeslam ogxekiweyo ngenxa yokusebenzisa abadlali abafikayo kakhulu.
"Apha eMzantsi Afrika bakhona abantu abanesakhono sokwenza umsebenzi. Yiyo le nto ndaqonda ukuba mandingezi nabantu bakude. Ndivuye kakhulu emva kwempumelelo ngoba yeyomntu womntu wonke, usukela ebadlalini ukuya kubaphathi bePirates.
"Ukulwa ndakuqala ndisemncinane ebomini bam. Ingxaki esijongene nayo kukuba xa ungumntu omnyama, akukho mntu ofuna ukunika ithuba. Ndicela abantu bandiphe ithuba lokwenza umsebenzi. Ndiyazingca futhi ndingum-Afrika," utshilo umqeqeshi emva komdlalo ogqithileyo.
"Ndibancamise bonke oogxa bam nabadlali ngoba benze umsebenzi omhle kakhulu. Ukuba ndinganikwa ithuba, mhlawumbi ndingakwazi ukuyinceda iPirates," utshilo uAbdeslam emva komdlalo ogqithileyo.