Ezemidlalo

ULucas Ribeiro usemfazweni enzima neMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

ULucas Ribeiro ubhengeze ukuba akasenguye umdlali weMamelodi Sundowns emva kokuba ingamthengiselanga iQatar SC ebimfuna.

Image: MS/Facebook

Ifolosi yaseBrazil, uLucas Ribeiro, isemfazweni embi neMamelodi Sundowns. Oku kuvele kwingxelo ebhaliweyo epapashwe nguRibeiro kwikhasi lonxibelelwano. URibeiro ngumdlali weSundowns ngoba usenesivumelwano sengqesho nayo.

Ekupheleni kweFIFA Club World Cup, kuye kwacaca ukuba kukho amaqela amfunayo iRibeiro. Iingxelo zithi ebefunwa liqela lebhola ekhatywayo laseQatar ekuthiwa yiQatar SC. Kuthiwa uRibeiro uvumelene nayo iQatar SC ngomvuzo awufunayo - kodwa iSundowns ayikwazanga ukuyamkela imali afunwa ngayo.

Kubonakala ngathi umdlali ucatshukiswe yilo nto wasiqhawula isivumelwano sakhe neSundowns. "Ndicinga ukuba ndinaso isizathu esibambekayo sokuqhawula isivumelwano sam sengqesho neSundowns. Ndiza kuyicacisa yonke into kwiFIFA Football Tribunal," itshilo ingxelo ekhutshwe nguLucas Ribeiro namhlanje.

Le folosi ithi iza kusebenzisa umthetho weFIFA omtsha onika ilungelo umdlali xa iqela lingamphathi kakuhle. Akukacaci kakuhle ukuba iza kwenzani iSundowns ngoba ayikakhuphi nto ebhaliweyo ngalo mba. URibeiro uchithe iisizini ezimbini kwiMamelodi Sundowns angaboni ngasonye nayo ngoku.

Kwisizini yokuqala wanceda iSundowns yaphumelela indebe yeCAF neyeBetway Premiership phantsi kukaRulani Mokwena. Nakwisizini egqithileyo uqhube kakuhle wade wafumana amawonga ePSL aquka umdlali onamagowuli amaninzi, umdlali wonyaka namanye akhatshwe yimali engaphezulu kwesiqingatha sesigidi. Ukusukela oko kuvulwe isizini entsha, uRibeiro khange ayidlalele iSundowns.