Amakhosi atyikitye abadlali abathathu kule nyanga ekulindeleke ukuba babe luncedo kakhulu.
Image: Facebook
Amakhosi amkele ngemfudumalo abanye abadlali ababini kule veki phambi komdlalo obungoLwesibini. Lo nto ilibeke kwithoba inani labadlali abatsha kwiKaizer Chiefs kule sizini. Abadlali abatsha abamkelweyo nguEtiosa Ighodaro noLuke Baartman emva kokukhululeka kumaqela abasuka kuwo.
Ifolosi yaseNigeria, uEtiosa Ighodaro, ifike eNaturena izolo emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns ebisoloko ibolekisa ngayo ukusukela ngonyaka ka2021. Iingxelo zithi iSundowns ibifuna ukumgcina uIghodaro emva koko ibolekise ngaye futhi - kodwa wayikhaba lo nto.
UBaartman, 19, ngumdlali ohlaselayo osuka kwiCape Town Spurs. Naye ugaleleke eNaturena emva kokukhululwa yiPSL ngokufanayo noAsanele Velebhayi. Ibingafuni ukubakhulula bobabini iCape Town Spurs kuba isithi banesivumelwano nayo iChiefs mayibhatale.
Ikhatyiwe loo nto yiPSL ngoba iSpurs liqela elidlala kwiMotsepe League ngoku. Amakhosi ibafumene simahla abadlali ngoba iCape Town Spurs zange ivume ukubathengisa kwiisizini ezigqithileyo. Bonke bamkelwe ngovuyo eFNB Stadium izolo ebusuku.
"Kusivuyisa kakhulu ukufika kwaba badlali noxa kusekho izinto ezifuna ukusonjululwa. Ngabadlali esibadingayo aba ukuze sidlale ngale Ndlela sifuna ngayo. Nokufika kukaIghodaro phambili kuyasivuyisa," utshilo uKaizer Motaung Jr.
"Sazisa uBaartman noVelebhayi kubalandeli namhlanje ngoba siyazi ukuba ngabadlali abanetalente noxa beza kudinga ithuba lokufunda indlela esidlala ngayo. Akululanga - kodwa iqela liyaphucuka. Umsebenzi wokulenza ngcono usaqhubela phambili," utshilo uMotaung Jr ethatha kwiSuperSport TV ngoLwesibini.
Noxa uMotaung Jr eseza kulwela uVelebhayi noBaartman ababangwa yiCape Town Spurs - kodwa Amakhosi ancumise emva kokubetha iRichards Bay ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership.
Amakhosi ahleli kwindawo yesibini ngoku emva kokuphumelela yomithathu imidlalo ayidlalileyo kwisizini entsha. Kwiveki ezayo aza kuqibana neMamelodi Sundowns ekhuthazekile emdlalweni oza kutsala umdla wabantu abaninzi.