Ezemidlalo

Uchwayitile uKeshav Maharaj owonzakalise iAustralia emdlalweni wokuqala

Pedro Mapelo|Published

UKeshav Maharaj uchwayitiswe kukubulala iAustralia emdlalweni wokuqala wosuku olunye.

Image: Cricket SA/Facebook

Khange akwazi ukuwuvala umlomo uKeshav Maharaj emva kokuba encede uMzantsi Afrika ophumelele umdlalo wosuku wokuqala (ODIs) ekuqaleni kwale veki. UMaharaj uthathe oothinti abahlanu bonke ngethuba uMzantsi Afrika ubetha iAustralia ngo'296-198 eCazalys Stadium.

Ngamashumi alithoba anesibhozo yemitsi eliphumelele ngayo iqela elikhokelwa nguTemba Bavuma. NguMaharaj, 35, ovuthulule iAustralia eqale inkundla ngamadoda afana noMitchell Marsh noTravis Head abanqwamzwe bengahambanga umgama omde.

Noxa uBavuma noMatthew Breetzke bevule kakuhle ngemitsi engaphaya kwekhulu (122) bedibene - kodwa ligqala lakwaMaharaj elibonakalise ukukhalipha ngendlela encomekayo emdlalweni weqakamba.

"Ndiye ndavuzwa ngoba ndisebenzise imeko ebintle emdlalweni," utshilo uMaharaj emva kokuvuthulula iAustralia ebikhalise abantu abaninzi eMzantsi Afrika emdlalweni wombhoxo. Omnye wabadlali abenze umahluko nguAiden Markram ofumene imitsi engamashumi asibhozo anesibini emdlalweni.

Ukungabikho kwabadlali ababalulekileyo njengoKagiso Rabada owenzakeleyo akubonakalanga ncam emdlalweni weProteas ngenxa yobuchule nokuzimisela komdlali omdala njengoMaharaj. Akonelanga ngoba uMzantsi Afrika uza kudibana neAustralia kwakhona emdlalweni wosuku wesibini ngoLwesihlanu.

"Ndifuna ukudlala kuyo yonke imidlalo. Kandishiya ndiphoxekile ukuphoswa yimidlalo yeT20I - kodwa ke abaqeqeshi bacinga ngenye indlela bona," utshilo uMaharaj emva komdlalo osafuna ukuphumelela iindebe. "Kuhle ukufumana ithuba lokubonisa into endingayenza emidlalweni yosuku.

"Ngaphandle kwaleyo into, ingqondo yam ndiyibeke emdlalweni wam ndonwabele iqakamba. Siza kuzama ukuphumelela iindebe kangangoko sinako siliqela lesizwe. Ndinethemba lokuba umdlalo wethu uza kuphucuka.

"Nangona abantu bethanda ukundibuza ngeminyaka, mna ndisenezinto endizifundayo ngoku ndineminyaka eyi35. Mhla ndayeka ukufunxa ulwazi, ndiza kuyeka ukudlala iqakamba. Ndicinga ukuba umdlalo wam uya uphucuka nokukhula kwam ngoba ndingumfundi weqakamba," utshilo uMaharaj.