UPuso Dithejana ufake amagowuli amabini emdlalweni weBetway Premiership namhlanje eMonti.
Image: BackpagePix
Iphumelele okokuqala iTS Galaxy emva kokuqhuba kakuhle emdlalweni eMonti. Oku kwenzeke emva kokuba iTS Galaxy ingcwabe iChippa United ngamagowuli amane kwelinye eBuffalo City Stadium namhlanje ebusuku. UMusa Nyatana, obikwe uxanduva lokuqeqesha emva kokuhamba kukaSinethemba Badela, uqale kakubi ngenduku.
Nangona omabini amaqela engene ebaleni ekhangela impumelelo yokuqala kwisizini entsha - kodwa yiTS Galaxy ebonakalise ukuzimisela. Kwisigaba sesibini, uDithejana uyingcwane eyedwa iChippa United.
Emva kokuxhwithana ixesha elide, amaqela omabini aye kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli macala. Umdlalo utake iintlantsi zisuka eBuffalo City Stadium ebinabantu abaninzi nakubeni bekukho inkwankca eMonti. Omabini amaqela angene emdlalweni engekaphumeleli kule sizini entsha.
Ubhalise ebhodini emzuzwini wesixhenxe uKhaya Mfecane yatsho yahamba phambili iChippa United ebenesiqalo esihle. Inyuse umxakatho iTS Galaxy ehlasele macala onke isebenzisa abadlali bayo basemaphikweni. UStanley Nwabali uvale iibhola eziliqela ngenxa yobubhetyebhetye bedonga lakhe emva.
Emzuzwini wamashumi amane anesithathu, uPuso Dithejane, obeyinkathazo kakhulu emdlalweni ufake igowuli elihle kakhulu emva kokushiya amadoda ezizigede emva kwakhe. Ibhola kaDithejane umshiye emile uNwabali ongakwazanga nokolula isandla. Akothusanga ukuvuzwa kweTS Galaxy ngoba yiyo edlale umdlalo obhetele kwisigaba sokuqala.
Kwisigaba sesebini, uMlungisi Mbunjana ukhabe imbumbulu yebhola yangena emnatheni. Ufumene ibhola edlalwe kakuhle nguMaduna noDithejane kufuphi nasekoneni. Ubuyile kwakhoka uDithejane wafaka elinye igowuli elihle ngentloko yatsho yahamba phambili ngamagowuli amathathu kwelinye iTS Galaxy. Uphindile kwakhona yaphumelela ngo'4-1 iTS Galaxy.