Ezemidlalo

'Lisekhona ithuba lokudlulela phambili kwiMTN8', utsho uAbdeslam wePirates

Pedro Mapelo|Published

USihle Nduli we'Orlando Pirates noMarcelo Allende weMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 obushushu e'Orlando Stadium, eSoweto, kwiveki ephelileyo.

Image: Itumeleng English/Independent Media

Nangona engafumananga iziphumo azifunayo emdlalweni wokuqala, uAbdeslam Ouaddou uwuncomile kakhulu umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe. Oku kulandela emva kokuba i'Orlando Pirates ibambene ngegowuli macala neMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 otake iintlantsi e'Orlando Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.

Abalandeli bamaqela omabini bagoduke bexolile ngoba avelise umdlalo omhle kakhulu noxa kuye kwanyanzeleka ukuba abelane ngenqaku kuba kungekho elivumileyo ukubethwa. Itsazise igazi kuqala iSundowns ngegowuli lentloko elifakwe nguTeboho Mokoena xa siphakathi isiqinga sokuqala.

Bekufanele ukuba iSundowns igoduke imisila iphezulu - kodwa akubanga njalo ngoba uRayners noMatthews baphose amathuba amahle bejongene noSipho Chaine. Okuthe kwancomeka kwiPirates eye emdlalweni iphantsi koxinizelelo kukuba ilwe kwade kwaphela ixesha lomdlalo.

UKamogelo Sebelebele, ofikayo kule sizini, ubhakuzelise umnatha kushiyeke imizuzu embalwa kuphele umdlalo. Umqeqeshi wePirates uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo ngoba iqela lakhe lidlale bhetele kunedlulileyo imidlalo.

"Okwenzeke emdlalweni wanamhlanje kuyancomeka. Abadlali babonise ukuzimisela okukhulu emdlalweni wanamhlanje," utshilo uAbdeslam owenze iinguqu ezimnike iziphumo ezibhetele kunasemidlalweni egqithileyo.

"Namhlanje sidlale umdlalo ocacileyo oya phambili. Siwafumene amathuba - kodwa ke ibhola ayilulanga ngoba iziphumo zomdlalo ziye zingahambisani nomsebenzi owenziwe ebaleni. Masithembe ukuba emdlalweni olandelayo siza kufumana iziphumo ezihle.

"Ndifuna nje ukucela abalandeli ukuba babenomonde xa iqela lingavelisi iziphumo ezincumisayo. Umdlalo ubumhle kakhulu ngoba omabini amaqela adlale ngokuzimisela. Sizamile ukudlala umdlalo esicinga ukuba bawuthandile abalandeli.

"Into esiphoxayo kwelethu icala kukuba besifuna ukuphumelela. Kufakwe igowuli kuthi - kodwa ndiyavuyisana nabadlali ngoba balwile ebaleni. Yonke into iza kucaca emdlalweni wesibini. Ithuba lokuya phambili kwiMTN8 lisekhona," utshilo uAbdeslam emva komdlalo.