Umdlalo weMTN8 obuphakathi kwe'Orlando Pirates neMamelodi Sundowns uphele zibambene ngegowuli elinye macala eSoweto.
Image: OP/Facebook
Emva kokukhokela ixesha elide emdlalweni, iMamelodi Sundowns igoduka iphoxekile. Oku kulandela ukudlala ntanganye kwayo ne'Orlando Pirates ngegowuli elinye macala emdlalweni weMTN8 obushushu e'Orlando Stadium emalanga namhla.
NguKamogelo Sebelebele oyihluthe intlaka isemlonyeni weSundowns ngegowuli alifake kushuyeke imizuzu emihlanu kuphele ixesha. Ukungabikho kweliphumeleleyo kuseza kulungiswa emdlalweni olandelayo xa edibana la maqela kwakhona.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye ebhodini. Emzuzwini wamashumi amathathu, uTebogo Mokoena ufake ngentloko ibhola ebisuka ekoneni efike engagadwanga mntu ebhokisini. Kwenzeke oku nangona umdlalo ubulawulwa yiPirates.
UKamogela Sebelebele naye uEvidence Makgopa bebeyiphethe mbengwana iSundowns emva - into abangayifumananga ligowuli. Ibifuthanyiselwe iSundowns kwisigaba sokuqala - kodwa njengeqela eliqhelene nobunzima liye laphuncuka layifaka isabhokhwe iPirates.
UTashreeq Matthews uphose ithuba lokufaka igowuli lesibini ejongene noSipho Chaine oyibambe yathuba cwaka ibhola yakhe. Bazamile abadlali bePirates ukuyiqhekeza iSundowns amatyeli aliqela nakubeni bebebhaqwa belalele oko.
Njengokuba iSundowns ithanda ukugcina ibhola, namhlanje iyaleqwa yiPirates - kodwa iyingozi ngoba igade iimpazamo. Konke oku kwenzeke emva kokuphuma kukaThemba Zwane owonzakeleyo. Indawo yakhe ithathwe nguJayden Adams.
Amaqela abuyele ebaleni kwisigaba sesibini enamandla ngakumbi. Nangona ebegadiwe u-Iqraam Rayners kodwa uphantse wayika igowuli lesibini iSundowns ehambe phambili ixesha elide emdlalweni. Emva kokwenziwa kweenguqu kwisigaba sesibini, uSebelebele ufake igowuli kushiyeke imizuzu embalwa kuphele umdlalo. Ngalo Ndlela, umdlalo uphele iPirates ibambene neSundowns emdlalweni obumhle eSoweto. Nangona abalandeli bePirates bebengonwabanga phambi komdlalo - kodwa indlela edlale ngayo iyancomeka.