uEric Tinkler uvumile ukuba iStellenbosch iyayibetha iSekhukhune United yakhe phambi komdlalo weMTN8.
Image: Itumeleng English
Kulindeleke nomdlalo weMTN8 wesibini namhlanje utake iintlantsi eStellenbosch xa kudibana oomakadezondana. Umdlalo ekudibana kuwo iStellenbosch FC neSekhukhune United usoloko uneziphumo ezishiya elinye likhala.
Nanamhlanje kungakho elibethwayo xa iSekhukhune indwendwela iStellenbosch emdlalweni weMTN8 oza kudlalelwa eDanie Craven Stadium ngorhatya namhlanje. Phakathi kwala maqela mabini, kunyanzelekile kubekho eliphumelelayo.
Uxinizelelo likwiStellenbosch ngoba umdlalo wokuqala weMTN8 udlalelwa ebaleni layo. Yiyo ekulindeleke iphumelele - kodwa kunyanzelekile iSekhukhune United ilwele ukuphumelela namhlanje ukuze idlalele phezu kwento kolandelayo umdlalo.
Okubi kukuba uEric Tinkler uya eDanie Craven esazi kakuhle ukuba iBabina Noko ayiqhubi kakuhle phaya. Kodwa nakubeni kunjalo, uzimisele ukulwela ukufumana iziphumo ezibhetele. "Imbali yam kubo ayintlanga. Ndinethemba lokuba siza kuyo sifumane iziphumo ezingasinceda sikwazi ukufumana indlela engasisa emdlalweni wokugqibela weMTN8, " utshilo uTinkler encokola neentatheli.
Emidlalweni elishumi elinanye, iSekhukhune ibethe iStellenbosch kabini kuphela, yadlala ntanganye kwemibini yabethwa kwesixhenxe. Noxa iStellenbosch iseyingozi - kodwa akufani ngoba ilahlekelwe ngabadlali ebixhathise ngabo kwisizini edlulileyo.
Kwelinye icala, uTinkler ufumene abadlali abanokuyinceda iSekhukhune United ifumane indebe enethuba elide iyizingela. "Sidibana neStellenbosch edlale kakuhle kwezi sizini ezigqithileyo. Ndingatsho ukuba indlela edlale ngayo yothuse abantu abaninzi kwiisizini ezigqithileyo. Kunzima ukudlala nayo eDanie Craven ngoba ifumana inkxaso phaya kunezinye iindawo.
"Siyayazi iStellenbosch ukuba liqela elihleli ligade iimpazamo lizisebenzise. Kufuneka sihlale sithe qwa emdlalweni. Mna ndithanda iqela eligcina ibhola nelihlaselayo. Ndingumntu ofuna iqela elidlala lisiya phambili.
"Imidlalo engaphambili ibonisa ukuba isibethe ngokusiqubula iStellenbosch. Mhlawumbi kufuneka sicwangcise ngendlela engaqhelekanga emdlalweni esiya kuwo," utshilo uTinkler phambi komdlalo wanamhlanje.