USipho Chaine woneke izandla emva kokufakwa kwegowuli emdlalweni weBetway Premiership kwiveki ephelileyo.
Image: Itumeleng English
Akukho ukonwaba enkampini ye'Orlando Pirates isizini isaqala. Oku kukhule ngamandla emva kokuba ibethwe yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obuseDr Molemela Stadium ngoLwesibini wale veki.
Ukubethwa kwePirates kulandele ukubethelwa kowayo yiSekhukhune United ngegowuli elinye emdlalweni wokuqala weBetway Premiership. Nangona uAbdeslam Ouaddou esemtsha - kodwa kukhulu okulindelekileyo kuye ngoba uqeqesha iqela elinabalandeli abaninzi.
Emva kokuphulukana nemidlalo emibini ilandelelana, abalandeli bavakalise ukungonwabi kwabo yindlela aqhuba ngayo uAbdeslam. Phakathi kwezinto abakhala ngazo kukuba wenze iinguqu ezininzi kwiqela alishiyelwe nguJose Riveiro oqeqesha iAl Ahly ngoku.
Ethetha neentatheli emva komdlalo ogqithileyo, uAbdeslam uyaqonda ukuba uqeqesha iqela elikhulu futhi abalindele izinto ezibhetele. Emidlalweni emithathu, uAbdeslam ubeke ecaleni abadlali abaquka uEvidence Makgopa noTshegofatso Mabasa abancede iPirates kwicala lamagowuli kwisizini edlulileyo.
"Xa ufika eqeleni elidlalela iindebe, abalandeli balindela okuhle," utshilo umqeqeshi ephoxekile emva kokubethwa kwePirates okwesibini. "Ukungonwabi kwabalandeli kuyavakala. Xa iqela libethwa emidlalweni emibini, ngeke bonwabe futhi nathi asikonwabelanga ukubethwa.
Emidlalweni emithathu, uThalente Mbatha, uMakhehleni Makhaula noDeano van Rooyen khange badlaliswe. Iindawo zabo zithathwe ngabadlali abasafikayo abasazama ukuziqhelanisa nendlela edlala ngayo iPirates eza kudibana neMamelodi Sundowns ngempelaveki kwiMTN8 iqhwalela.
"Sigqibe kwelokuba sidlalise abadlali abathile emdlalweni esiphuma kuwo ngoba baninzi abadlali esinabo. Ngenxa yemidlalo emininzi esijongene nayo, kufuneka ungalibali ukuba siza kudibana neSundowns enamandla kwiMTN8.
Sithathe isigqibo sisazi ukuba besiphumelele ngekukuhle emntwini wonke. Kodwa siyazi ukuba ebholeni akwenzeki ngendlela ofuna ngayo. Sisigqibo esisithathileyo," utshilo umqeqeshi ovumileyo ukuba amalalela wakhe akakwazanga ukuguqula umdlalo ngendlela ebilindelekile.