UKaizer Motaung Jr wamkele ngokusesikweni uAsanele Velebhayi obekade edlalela iCape Town Spurs ethotyiselwe kwiABC Motsepe League.
Image: KC/WhatsApp
Emva kweminyaka emibini iKaizer Chiefs izama ukufumana uAsanele Velebhayi, ide yamfumana - kodwa ebunzimeni. Amakhosi amamkele ngokusesikweni ngoLwesibini wale veki eNaturena emva kokuba uVelebhayi ekhululeke kwiCape Town Spurs ebingafuni ukumkhulula.
Kuye kwanyanzeleka ukuba kumangalwe kwiPSL emva kokuba abaphathi beSpurs babetha ngenqindi phantsi ngelithi akukho qela eliza kumfumana uVelebhayi ngaphandle kwentlawulo. Bakutsho oku nangona besazi ukuba umdlali odlala kwiABC Motsepe League akakwazi ukubotshelelwa sisivumelwano asityikitye kwinqanaba eliphezulu (PSL).
Igqibo esikhutshwe yiPSL sithe uAsanele Velebhayi unelungelo lokuya kwiqela elimfunayo ngoba isivumelwano seCape Town Spurs siphelelwe lixesha. Khange aphozise maseko Amakhosi amqamangela ngesivumelwano sengqesho eside.
Yonke le nto yenzeka emva kokuba iCape Town Spurs ingaqhubanga kakuhle kwiMotsepe Foundation Championship yathotyiselwa kwiMotsepe League kwisizini ephelileyo. Amakhosi afuna uVelebhayi isadlala kwiBetway Premiership. Ingxelo ithi zizigidi ezihlanu zerandi (R5-million) nabadlali ngaphezulu engazange ifunwe yiCape Town Spurs.
Yimali eqikelelwa kwishumi lezigidi zerandi (R10-million) eyayifunayo ukuze imkhulule uVelebhayi. Ukuthotyiselwa kwayo iCape Town Spurs kuthethe ukuthi ayikwazi ukufumana imali ngabadlali bayo abaphambili ngoba ayisekho kwiPremier Soccer League.
UKaizer Motaung Jr umamkele ngovuyo uVelebhayi okwangumdlali weqela lesizwe. "Kuyasivuyisa ukufika kukaVelebhayi. Ngumdlali obalulekileyo kuthi ngoba ungena ncamashi kwindlela esidlala ngayo apha kwiChiefs," utshilo uMotaung Jr. Omnye umdlali olindwe yiChiefs nguLuke Baartman.
Naye ulinde isigqibo sePSL phambi kokuba akhululeke ngoba iSpurs sithi sifuna imali ngaye. Ngoba imeko yakhe yakhe iyafana nekaVelebhayi, kulindeleke ukuba iPSL ithathe isigqibo esifanayo.
ICape Town Spurs isigxekile isigqibo esithathwe yiPSL yatsho isithi amaziko avelisa abadlali kufanele avuzwe ngokwenza utyalomali kwikamva lomdlali.