Ezemidlalo

URassie Erasmus ubhida umtyholi ngoKolisi nakuLibbok

Pedro Mapelo|Published

UGrant Williams noRassie Erasmus bencokola neentatheli phambi komdlalo ophakathi koMzantsi Afrika neAustralia ngempelaveki eGoli.

Image: Itumeleng English

Njengesiqhelo, uRassie Erasmus sele eqalile ukudlala umdlalo wengqondo phambi komdlalo omkhulu ongempelaveki. Oku ukwenza phambi komdlalo ophakathi koMzantsi Afrika neAustralia oza kube use-Ellis Park Stadium, eGoli.

Lo mdlalo weRugby Challenge ulindwe ngolukhulu uchulumanco ngabalandeli bombhoxo ngoba kudibana iinkunzi embhoxweni wehlabathi. Iintshatsheli zehlaba ziya emdlalweni zifuna ukuqinisa ubunganga bazo kwelinye lamaqela ayingozi embhoxweni wehlabathi kwisizini entsha.

URassie Erasmus uzibuyisile iziqwayi zakhe zabadlali awaphumelela ngazo indebe yehlabathi emva kokusebenzisa imiqheliswa emininzi emidlalweni egqithileyo. Nangona Amabhokobhoko eyiphumelele yomine imidlalo etshayelele isizini entsha - kodwa kubekho ukukhwina emidlalweni ethile.

Umqeqeshi wothuse abantu abaninzi ngokudlalisa uSiya Kolisi endaweni yesibhozo - kwelinye icala, uza kuqala umdlalo ngoMannie Libbok kwiflayihafu. Nguphopho uLibbok kwicala lokutyala ibhola ebaleni noxa ekhwinisa kwicala lokukhabela ezipalini.

Noxa kukho ibatha emdlalweni wakhe, uRassie Erasmus uzimisele ukumqhelanisa neemeko ezinzima emidlalweni esemgangathweni ophezulu. Umqeqeshi uye wacacisa ukuba kutheni enze iinguqu phambi kowona mdlalo omkhulu kule sizini entsha.

"Siye sacinga ngenye indlela. Ejimini siye sabona ukuba uKolisi uhleli edlala ku8 xa kusenzeka isikram. Lo nto yenzeka amatyeli amaninzi emdlalweni. Siza kuxhathisa ngoSiya, uPieter-Steph Du Toit noMarco Van Staden ngoba siza kujongana neAustralia eyingozi," utshilo uRassie.

USacha Feinberg-Mngomezulu noHandre Pollard kuthiwe bangabonakala emdlalweni wesibini oza kube useKapa kwiveki ezayo. Amabhokobhoko agqibela ukudibana neAustralia phambi kwetumente yehlabathi egqithileyo.

Nangona iAustralia yayingaqhubi kakuhle ngoko - kodwa kukho ukuguquka kwezinto ngoku. Kukho ukuphucuka kwiqela edlala ngayo. URassie Erasmus ubhengeze amagama abadlali aya ngabo edabini ngoba ufuna ukubona indlela aza kulwa ngayo icace kwangoko kwiAustralia.