ABafana Bafana bahleli kwindawo yesibini kuGroup C emva kokuba bebethe iGuinea emdlalweni obungoMvulo wale veki.
Image: Safa
Uvuyo belubhalwe ebusweni kuMolefi Ntseki emva kokuba uMzantsi Afrika uzuze iziphumo ezincumisayo emdlalweni wesibini ngoLwesibini wale veki.
OkaNtseki uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba aBafana Bafana beguqise phantsi iGuinea ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weAfrican Nations Championship (CHAN) obubanjelwe eMandela National Stadium. Amagowuli ophumelele ngawo uMzantsi Afrika afakwe nguNeo Maema kwisigaba sokuqala somdlalo.
Ikwazile ukuphendula iGuinea - kodwa uThabiso Kutumela ukwazile ukuwukhulula engxakini kwisigaba sesibini. Emva kokubambana neAlgeria emdlalweni wokuqala ngegowuli elinye, ngoku aBafana Bafana banamanqaku amane kwindawo yesibini kuGroup C.
Endaweni yokuqala kuhleli iAlgeria enamanqaku amane nayo isaphumelele umdlalo wamnye ngokufanayo naBafana Bafana abazibone bephuncuka kwiGuinea ebisilwela ukufumana impumelelo emdlalweni ogqithileyo.
UNtseki ubaqhwabele izandla abadlali bakhe watsho ebancoma ngelithi basebenzile kakhulu ngoba ukuba bebengaphumelelanga, bebeza kuya emdlalweni olandelayo bephantsi koxinizelelo.
"Ndiyavuyisana noMzantsi Afrika emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Ukuba besidlale ngokulingana okanye sibethiwe, ngesiphantsi koxinizelelo ngoku. Amanqaku amane esinawo asinika ukuzithemba. Iziphumo esizifumeneyo ziqinisa ukuzithemba kuthi," utshilo umqeqeshi emva komdlalo obunzima kakhulu ngorhatya ngoMvulo.
UMzantsi Afrika uza kudibana ne-Uganda ngentsimbini yesixhenxe ngorhatya woMvulo weveke ezayo uzithembile kakhulu emva kokungabethwa emidlalweni emibini kuGroup C. Njengokuba iqela lakhe lingadlalanga ngendlela encumisayo, uNtseki uthe ayibalulekanga lo nto ngoba iGuinea edlale kakuhle emdlalweni iphume iphaca.
"Ekupheleni kosuku, iGuinea idlale umdlalo omhle thina safaka amagowuli. Eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba sifake amagowuli asinike impumelelo emdlalweni. Ukuphumelela yinto enkulu kakhulu kuthi futhi sonelisekile yindlela owenziwe ngayo umsebenzi. Sisajongene nomsebenzi onzima," utshilo uNtseki oqeqesha uMzantsi osajongene nemidlalo emibini kuGroup C.