Ezemidlalo

Itumente yophuhliso ibeke ilitha emanqindini ePort Alfred!

Pedro Mapelo|Published

Iimbethimanqindi ezithathe inxaxheba kwitumente ebibanjelwe ePort Alfred zigoduke neendebe emva kwemilo yazo.

Image: Uthunyelwe

Iveki ephelileyo ibeke ilitha ePort Alfred eyaziwa ngokhenketho. Kweli ityeli kugqanyiswe abantwana abasemdlalweni wamanqindi.

Bekuphithizela ngendlela engaqhelekanga kwiholo ekuthiwa yiPort Alfred Civic Centre ngenxa yeembethimanqindi ezisafufuzayo ezithathe inxaxheba kwitumente yophuhlio ebiququzelelwe yiMpucuko Sport Development ephala phambili kwicala lophuhliso lomdlalo wamanqindi kwiphondo leMpuma Koloni.

Okuhle ngetumente ebibanjwe kutshanje kukuba imilo iquke abangamakhwenkwe namantombazana. Ziimbethimanqindi ezilishumi elinesithandathu ezineminyaka engaphantsi kweshumi elinasihlanu ezinxithene kwanzima emilweni esibhozo ethathe isiqingatha semini yangoMgqibelo ogqithileyo ePort Alfred.

Ezona zinto eziphambili kule tumente ibikukugqamisa italente yabantwana nokubumba ikamva labo emdlalweni wamanqindi obuguqulayo ubomi xa umntu ezimisele. Njengakweminye imidlalo, abaninzi bagoduke bencumile emva kokuphumelela imilo yabo. Kanti abanye baza kubuyela ejimini balungise iziphene.

USive Nyakama yintshatsheli emva kokuba ebethe uLuzuko Mahlala emlweni wokuqala wosuku. Yena uLuthando Tambo ubeke ecaleni uLubabalo Goni wagoduka nempumelelo emva komlo. Ubuyele ekhaya encumile naye uNkombise ozibethele uNyamba.

UKalase udlule kuTolwana ongaphumelelanga. UMavi naye uphumelele emva kokubetha uStephans emlweni wesihlanu. Kusemnandi nangoku kuFulata obethe uMakhinza obesilwela ukuphumelela naye. UKwetani woyise uAphelele Myoyo phambi komlo uMkhunqwana abethe kuwo uMakhasi.

Umququzeleli weMpucuko Sport Development uthe abantwana abaphumeleleyo abasibhozo baza kuya emidlalweni yokugqibela kwitumente eza kubanjelwa eMonti kunyaka ozayo. Le yindlela yokubakhulisa emanqindini ukuze bafike kwinqanaba labahlawulwayo besemgangathweni ophezulu.