Ezemidlalo

iDurban City intywilisele iTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

iDurban City ifumene amanqaku amathathu emva kokuba ibethe iTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership.

Image: Durban City

Iphinde yakhutshwa elinye iduma iTS Galaxy kwisizini entsha. Kweli ityeli livele emva kokuba ibethwe ngamagowuli amabini eqandeni yiDurban City emdlalweni weBetway Premiership wokuqala wala maqela eMbombela Stadium namhlanje emalanga.

Kwiveki ephelileyo, iTS Galaxy ikhutshwe ngomva kwiMTN8 Cup emdlalweni obukwiveki ephelileyo. Ukubethwa kwayo kwakhona namhlanje kuyibeka phantsi koxinizelelo njengokuba iza kujongana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership ngomso.

Ukuphumelela ziindaba ezimnandi kwiDurban City enyuselwe ekupheleni kwesizini egqithileyo. Amanqaku amathathu aza kuyinika Amandla ngakumbi xa idibana neChippa United ebambene neMamelodi Sundowns emdlalweni obuseGqeberha.

Iqela laKwaZulu-Natal belijongene namagingxigingxi phambi kokuqala kwesizini. Ukuvula kakuhle isizini bekubaluleke kakhulu kuGavin Hunt. USamkelo Maseko uyibeke endaweni entle iDurban City ngegowuli elifumene kwisigaba sokuqala emva kokudlali kakuhle kwabadlali beTS Galaxy.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laKwaZulu-Natal liphala phambili ngegowuli elinye. Isigaba sesibini sinike amaqela omabini ithuba lokudlala ngcono. UMfanafuthi Mkhize ubhalise ebhodini igowuli lesibini leDurban City.

Nangona abadlali beTS Galaxy bebekwazi ukuya phambili, into ebinzima kubo kukufaka ibhola emnatheni. Emva kokufumana igowuli lesibini, kuye kwacaca ukuba ngeke iTS Galaxy ikwazi ukuwuphumelela umdlalo.