Amakhosi abethele kowayo iStellenbosch evuyela igowuli lesibini elifakwe nguGlody Lilepo.
Image: Ayanda Ndamane
Izihlwele zabalandeli beKaizer Chiefs zibuyele emakhaya zichwayitile. Oku kwenzeke emva kokuba iChiefs inqunqele egoqweni iStellenbosch FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obumhle kakhulu e'Athlone Stadium namhlanje ngorhatya.
Kuye kwacaca kwasekuqaleni komdlalo ukuba omabini afuna ukuphumelela. Axhwithene ngendlela esisimanga esiya phambili. Nakubeni bekungacaci ukuba leliphi eliza kuphumelela umdlalo - kodwa Amakhosi abhalise ebhodini kwangoko ngebhola efakwe nguNkosingiphile Ngcobo.
Izinto ziyihambele kakubi kakhulu iStellenbosch ngoba iye yaphulukanga nomdlali wayo wasemva ngenxa yekhadi elibomvu alinikwe emva kokubamba uTshabalala esiya ezipalini. Nangona iStellenbosch ibiqhwalela emdlalweni - kodwa indlela ehlasele ngayo iyancomeka kakhulu.
USanele Barns, uTitus noAndre de Jong bayipheke beyophula iChiefs emva - kodwa into engavumanga ukungena emnatheni yibhola. Ukuba amathuba ibikwazile ukuwasebenzisa iStellenbosch, ngekuyiwe kwixesha lokuphumla kuthetha enye into.
Amakhosi aye adlala umdlalo ozinzileyo kwisigaba sesibini emva kokungena kukaMthethwa endaweni kaNgcobo obengaziva kamnandi. Nakubeni uNasreddine Nabi ebengekho, abancedisi bakhe bakwazile ukuyiwisa iStellenbosch.
Ukungena kwabadlali abaquka uGaston Sirino, uSiphesihle Ndlovu noVilakazi kuyicinezele ngamandla iStellenbosch eyenze impazamo kwavela ipenela emzuzwini wokugqibela. ULilepho ubethelele isikhonkwane sokugqibe sobhokisi engcwatywe ngayo iStellenbosch ebaleni ebeligcwele abalandeli beChiefs njengesiqhelo.