Ezemidlalo

UPhiwe Nomlomo uthi iqela lakhe liyakwazi okulindeleke kwiCurrie Cup

Pedro Mapelo|Published

UPhiwe Nomlomo uzithembile phambi komdlalo weVodacom Bulls olandelayo.

Image: BackpagePix

Umqeqeshi weVodacom Bulls, uPhiwe Nomlomo, ucebise amane amaqela ombhoxo ngelithi kufuneka asebenzise ubuchule bengqondo kwiCurrie Cup. Oku ukuthethe emva kokuba iVodacom Bulls ingombe iWestern Province ngo'48-23 emdlalweni ogqithileyo.

Kanti phambi koko iBulls zibethele oogqirha nezicaka iSharks ngo'64-0 emdlalweni obuseLoftus Stadium. Nangona ethe akazimiselanga ukuxelela amanye amaqela indlela amakasebenze ngayo – kodwa ume ngelithi kubalulekile ukusebenzisa abadlali ngobulumko.

"Elona xesha elilungele ukudlalwa kweCurrie Cup kuphakathi enyakeni ngoba kukho iChampions Cup neUnited Rugby Championship ezidlalwa ngamaqela onke. Andifuni ukungena kwiindlela asebenza ngazo amanye amaqela – kodwa ndicinga ukuba kungakuhle ukuba angabasebenzisa ngobulumko abadlali.

"Thina siyazi kutheni sikhethe indlela esenza ngayo izinto," utshilo uNomlomo okhethe ukusebenzisa abadlali abanamava nabasakhulayo emidlalweni yeCurrie Cup egqithileyo kule sizini.

"Sinethamsanqa okwangoku ngoba siyakwazi ukutshintshatshintsha abadlali. Kodwa ingxaki iza kubakhona kwiiveki ezizayo ngenxa yabadlali abancinane (U19, U21) abaza kubizwa kwiqela lesizwe nemidlalo yeendebe," utshilo uNomlomo othe iqela lakhe sobe liwadelele amanye amaqela kuba liqhube kakuhle emidlalweni edlulileyo.

"Akukho nto indixhalabisayo ngeBulls ngoba siyazi kakuhle into esiyifunayo. Nokuba siphumelele okanye sibethiwe, ukuba sidlale ngokuzimisela, yilo nto ebalulekileyo kum," utshilo umqeqeshi.

UNomlomo unethemba lokuba iVodacom Bulls iza kufumana iziphumo ezihle kwakhona xa idibana nePumas eyiphumelele kakuhle imidlalo yayo egqithileyo. "Sinabadlali eqeleni lethu abamaziyo uJimmy Stonehouse oqeqesha iPumas elishica. Umdlalo uthembisa ngokuba mnandi.

"Konke esifumanayo siza kusebenzela. Kunganyanzeleka ukuba siguqule indlela esidlala ngayo xa sidibana nePumas – kodwa ndifuna ukuqinisekisa ukuba sinabadlali abamandla okusinika iziphumo ezincumisayo," utshilo uNomlomo.