Ezemidlalo

Ndiziva ndisikelelekile kukuba ngumdlali wePirates, utsho uMariko!

Pedro Mapelo|Published

uAbdoulaye Mariko ngumdlali omtsha ohlaselayo kwiOrlando Pirates.

Image: OP/Facebook

Umdlali omtsha kwiOrlando Pirates, uAbdoulaye Mariko, uthi ukulungele ukubonisa abantu baseMzantsi Afrika into ayiyo njengokuba kuqala imidlalo yeBetway Premiership ngempelaveki.

Le ndedeba yaseMali ikuvakalise oku emva kokudlala kakuhle emdlalweni weMTN8 Cup obuseSoweto apho iPirates ibethe iPolokwane City ngamagowuli amabini eqandeni. UMariko, 22, ofikayo kwiPremier Soccer League, ungene endaweni kaSipho Mbule emva komzuzu wamashumi asixhenxe wadlala ngendlela enconyiweyo ngabantu abaninzi.

IPirates ufumene uMariko kwiqela laseMali ekuthiwa yiDjoliba FC eliqhube kakuhle kwiCAF Champions League. Uphakathi kweshumi elinambini labadlali abatsha ekulindeleke bancede iPirates eza kulwela ukuphumelela indebe yeBetway Premiership eyiphosileyo kwakhona kwisizini egqithileyo.

Emva komdlalo, uMariko uthe ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokudlalela iPirates. Uthe ukudlalela yona yinto enkulu kakhulu kuye futhi uzimisele ukubonisa into ayiphetheyo ebaleni njengokuba kuqala imidlalo ngokusesikweni ngempelaveki.

"Ukudlalela iPirates yinto engaphaya kwebhola ekhatywayo ngoba kungokolula imbali yayo. Kubalulekile ukuba nesimilo, ukuzithoba nokusebenza ngokuzinikela. Ndiziva ndisikelelekile kukuba ngumdlali wePirates," utshilo uMariko emva kokudlala umdlalo wakhe wokuqala.

"Ngaphakathi kum kukho umbulelo nomnqweno wokuyisebenzela kakuhle iPirates. Ukunxiba isikipha sePirates okokuqala bekufana nokuzalisekiswa kwephupha. Ndizimisele ukusebenzisa ithuba endilinikwayo ndibonise abantu umdlali endinguye," utshilo uMariko.

Isoloko iPirates iyiqala kakuhle isizini. Naphantsi komqeqeshi omtsha kulindeleke ukuba kube njalo. Into embi ngayo kukuqala kakuhle, yoyisakale xa iphakathi isizini. Umqeqeshi okhoyo unoxanduva lokuqinisekisa ukuba ikulungela ukuthatha eyona ndebe inkulu eMzantsi Afrika.

IPirates iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership emalanga ngoMgqibelo, eSoweto. Omabini amaqela azithembile emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yeMTN8 kwiveki ephelileyo.