Ezemidlalo

Amakhosi anethemba lokuyivula kakuhle isizini eKapa

Pedro Mapelo|Published

UNasreddine Nabi unethemba lokuba iKaizer Chiefs iza kuqhuba kakuhle kwisizini entsha.

Image: KC/Facebook

UNasreddine Nabi uxelele iintatheli ukuba iqela lakhe liya eKapa linethemba lokuzuza iziphumo ezihle emdlalweni onzima. Oku ukuthethe emva kokuphehlelelwa kwesiqendu esitsha seBetway Premiership emsithweni obuzinyaswe ngabaqeqeshi bamaqela eGoli ekuqaleni kwale veki.

Amakhosi aza kudibana neStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eDHL Stadium, eKapa, ngentsimbi yesihlanu emalanga ngeCawe. Lo mdlalo ulandela emva kokuba iStellies ibethe AmaZulu ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weMTN8 obutshisa ngeCawe edlulileyo.

Emva kokuvala isizini ka2024/25 ihleli kwindawo yesithathu, iStellenbosch iza kuqala isizini ikhuthazekile futhi ifuna amanqaku apheleleyo emdlalweni ekulindeleke ukuba udlalelwe ebaleni eligcwele abalandeli beChiefs.

Noxa ineminyaka ingaqhubi kakuhle iChiefs – kodwa iyakwazi ukufumana amanqaku apheleleyo kwiStellenbosch. USteve Barker uyakucaphukela ukubethwa yiChiefs. Leyo yeyona nto eza kubangela iqela lakhe lilwele ukuphumelela umdlalo walo omkhulu phambi kwabalandeli balo.

"Sibulela kakhulu kubaphathi abasivumeleyo sayokwenza amalungiselelo wethu eNetherlands. Ziiveki ezimbini ngoku sibuyele eNaturena apho sigqibezela khona amalungiselelo okuqala kwesizini. Njengokuba sijonge umdlalo esiza kudibana kuwo neStellenbosch FC, siza kuqinisa indlela yethu yokudlala," utshilo uNabi.

"Sizakube siwulungele umdlalo futhi siyazi ukuba akukho lula ukudlala neStellenbosch. Kodwa ndingatsho ukuba siya emdlalweni sonwabile futhi sinethemba lokufumana iziphumo ezihle ngeCawe," utshilo uNabi ephendula imibuzo yeentatheli.

Amakhosi aqala isizini entsha ephantsi koxinizelelo njengesiqhelo. Noxa ekwazile ukuphelisa indlala ngeNebank Cup kwisizini egqithileyo, kodwa abalandeli abaninzi basakhwiniswa kukungabikho kwayo kwiMTN8 eqale kwimpelaveki egqithileyo.

Noxa iChiefs isakhangela abadlali abatsha abaquka ifolosi, abadlali abafikayo kulindeleke bayincede xa idibana neStellenbosch enabadlali abayingozi kakhulu futhi abasebenzisa amendu.