Emva kokudlalela i'Orlando Pirates okokuqala kwiMTN8, uOswin Appollis, uvakalise indlela aziva ngayo.
Image: OP/Facebook
Umdlali ohlaselayo, uOswin Appollis, uvakalise indlela aziva ngayo kwiqela lakhe elitsha emva komdlalo waokuqala. Oku kuvele emva kokuba uAppollis, 23, encede i'Orlando Pirates ebethe iPolokwane City ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weMTN8 obuse'Orlando Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
Elinye igowuli lifakwe nguye uAppollis kwiPolokwane City asuka kuyo. Ukudlala neqela asika kulo nokufaka igowuli emdlalweni wakhe wokuqala kwisizini entsha kumenze waziva ngendlela ekhethekileyo kakhulu. Lo mdlali waBafana Bafana uthathwe yiPirates kwinyanga ephelileyo nakubeni ebesoloko esayanyaniswa neKaizer Chiefs.
Ikwenze oku iPirates kuba ifuna ukuzama ukuphumelela indebe yeBetway Premiership ethathwe yiMamelodi Sundowns njengesiqhelo kwisizini edlulileyo. Emdlalweni weMTN8 obutshayelela isizini entsha, uAppollis ubonakalise iintlantsi ezinika iPirates ithemba lokuhle.
Ethetha kwiPirates TV, uAppollis uvakalise ukwaneliseka ngumsebenzi owenziwe liqela lonke emva kwamalungiselelo enzelwe eSpain. "Ndonwabe kakhulu emva kokuba sifumene iziphumo ezihle. Kubalulekile ukuwuncoma umsebenzi owenziwe liqela lonke," utshilo uAppollisa kwikhasi lomnatha lePirates emva komdlalo.
"Esikwenze eSpain ngethuba lamalungiselelo kwenzeke kakuhle emdlalweni wanamhlanje. Kuyamangalisa ukudlalela ebaleni eligcwele abalandeli. Kuyachulumancisa ukuba ngumdlali wePirates. Siza kuqhubela phambili nokwenza umsebenzi wethu enkampini. Siza kusebenza ngokuzimisela okukhulu," utshilo uAppollis oyingozi emva komdlalo.
Umqeqeshi wakhe kwiPolokwane City, uPhuti Mohafe, uthe uAppollis ngoyena mdlali owenze umahluko ebaleni. Kwiisizini ezigqithileyo, uAppollis ebengomnye wabadlali abambalwa kwiPolokwane City ekuthenjelwe kubo nguMohafe.
"Ubonise ukudlala ngendlela ephucukileyo uAppollis. Igowuli lakhe ulifake singalindelanga. Ndicinga ukuba yindlela aza kudlala ngayo isizini yonke. Ndiyamvuyela ngoba yindlela endimfundise ngayo eselapha kuthi," utshilo uMohafe.
Kulindeleke uAppollis enze indima ebonakalayo xa iPirates ithathana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership ngorhatya ngoMgqibelo.