Ezemidlalo

UBarker unethemba lokuphakamisa iMTN8 emva kokoyisa AmaZulu

Pedro Mapelo|Published

iStellenbosch FC ibethe AmaZulu emdlalweni weMTN8 obutaka iintlantsi eDHL Stadium izolo emalanga.

Image: Ayanda Ndamane

Emva kokuya phambili kwakhona, uSteve Barker uyincomile iStellenbosch FC ephumelele umdlalo onzima ngempelaveki egqithileyo. Oku kwenzeka emva kokuba iStellies iguqise phantsi AmaZulu ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weMTN8 Cup otake iintlantsi eDHL Stadium, eKapa.

Impumelelo yeStellenbosch iqinisekise indawo yayo kumjikelo olandelayo weMTN8 Cup ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zonke zerandi (R8-million). USanele Barns noLangelihle Phiri bafake amagowuli ancede iStellenbosch oyise AmaZulu abezimisele kakhulu.

Liye laphela ixesha lomdlalo amaqela ebambene ngamagowuli amabini macala. Umdlali ongene kwisigaba sesibini wenze umahluko omkhulu ngegowuli alifakileyo kwixesha elongezwe ngusompempe. USteve Barker uvumile emva komdlalo ukuba iqela lakhe lisokole.

"Ngumdlalo osincedileyo lo ngoba usibonisile ukuba iqela limi ndawoni kwicala lamalungiselelo phambi komdlalo omkhulu weBetway Premiership. Into encomekayo ngeqela kukuba lisoloko lidlula kwisigaba sokuqala seMTN8 Cup," utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo.

"Ndinethemba lokuya kumdlalo wokugqibela njengakwisizini egqithileyo - kodwa sifumane indebe kule isizini. Umdlalo siwuqale kakuhle ngoba ibhola ibilawulwa sithi. Kubaluleke kakhulu ukuphumelela imidlalo ukuze sikwazi ukukhuphisana namanye amaqela.

"Lifakiwe igowuli kuthi - kodwa okubalulekileyo kukuba sikwazile ukufaka igowuli. Ukufakwa kwamagowuli kuthi akusiphathanga kakuhle. Kwelinye icala, kusichwayitisile ukubona umdlali ofana noPhiri efaka igowuli xa enikwe ithuba lokudlala," utshilo umqeqeshi weStellenbosch.

Amaqela aye athelekiswa ngeCawe emva komdlalo wokugqibela. Njengokuba i'Orlando Pirates iza kuthathana neMamelodi Sundowns emdlalweni oza kutsala umdla wabantu abaninzi.

Kanti kwelinye icala, iStellenbosch FC iza kuxikixana neSekhukhune United ebethe iTS Galaxy emdlalweni ogqithileyo. Ngempelaveki, iStellenbosch yamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weBetway Premiership. Omabini amaqela aza kulwela ukuvula isizini ngendlela encomekayo.