Ezemidlalo

iSundowns engcwabe iRichards Bay ngoku igxeleshe iPirates!

Pedro Mapelo|Published

iMamelodi Sundowns ingcwabe iRichards Bay emdlalweni weMTN8 obuseLucas Moripe Stadium.

Image: Facebook

Mane amaqela azibeke iindawo zazo kumjikelo olandelayo weMTN8. Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns ivuthulule iRichards Bay FC ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weMTN8 obutaka iintlantsi eLucas Moripe Stadium namhlanje ngorhatya.

Nangona iSundowns iphumle ixesha elifutshane kunamanye amaqela - kodwa abadlali bayo ababonakalisanga kudinwa emdlalweni obalulekileyo namhlanje. Amasandawana aye kwixesha lokuphumla ephala phambili ngamagowuli amabini eqandeni.

Umdlali obuhamba ngesantya esiphezulu kakhulu. Wona umdlalo ulawulwe yiSundowns edlale ngaphandle kwabadlali abafana noKhuliso Mudau noPeter Shalulile. Khange kuphele nemizuzu elishumi kwisigaba sokuqala wabe u-Iqraam Rayners sele ebhalisile ebhodini.

Ngenxa yoxinizelelo olubekwe kubadlali beRichards Bay, uSimphiwe Mcineka ugwaze umkhonto ekhaya aphela amathuba wayo okuphumelela umdlalo. Emizuzwini engephi kwisigaba sesibini somdlalo, uRayners ufake elinye igowuli yatsho yahamba phambili ngamathathu iSundowns.

Emva kokuba uMiguel Cardoso enze iinguqu eziliqela kwisigaba sesibini somdlalo, umdlali osemtsha uSiyabonga Mabena ungena wafaka igowuli lesine leSundowns elibe sisikhonkwane esibethelele ibhokisi engcwatywe ngayo iRichards Bay.

Athelekisiwe amaqela amane ashiyekileyo kwiMTN8 emva komjikelo wokuqala ebunamagowuli amaninzi. Emdlalweni wokuqala, iSekhukhune United iza kudibana neStellebosch. Kowona mdlalo oza kujongwa kakhulu, iPirates iza kudibana neSundowns isaqala isizini ka2025/26.