Idlulele phambili iStellenbosch FC emva kokubetha AmaZulu emdlalweni weMTN8.
Image: Stellenbosch
Igqithele kumjikelo olandelayo iStellenbosch FC emva kokuba inyathele AmaZulu yadlula ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni otake iintlantsi eDHL Stadium, eKapa, emalanga namhlanje.
Umdlalo uqale ngesantla esiphezulu kubonakala ukuba amaqela omabini afuna ukufumana into kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo. AmaZulu aqhufuze iqanda kuqala ngegowuli elifakwe nguKeagan Allan ofikayo emva kokuba abadlali beStellenbosch bengakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni kanozinti.
Kugqithe imizuzwana esixhenxe uSanele Barns wafaka igowuli lokulinganisa. Ufumene ibhola entle ebidlalwe ngobuchule nguAndre de Jong noDevin Titus ogobe ibhola edibene noBarns oye wangquba uRichards Ofori ngempazamo waphuma emdlalweni.
Indawo yakhe ithathwe ngomnye unozinti ekuthiwa ngu-Olwethu Mzimela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Omabini amaqela ebenawo amathuba okuthathela kuwo umdlalo ngoba amathuba okufaka amagowuli ebekhona kwisigaba sokuqala.
AmaZulu abuye kwisigaba sesibini anyusa umxakatho. Wona amathuba okongeza ebhodini avelile - kodwa iqela lika-Arthur Zwane alikwazanga ukufaka igowuli. Emva kwemizuzu amaqela ezama, uSanele Barns uyibeke phambili iStellenbosch ngegowuli lakhe lesibini emzuzwini wamashumi amathandathu anesibhozo.
AmaZulu afake elesibini atsho amaqela alingana. Kuyiwe kwixesha lokuphumla emva kokuphela kwelomdlalo. ULangelihle Phili ufake igowuli ephumelele ngalo iStellenbosch yatsho yaya phambili kwiMTN8 yalo nyaka.