Ezemidlalo

UKeanu Cupido ucacisa ukubaluleka kweMTN8 kwiMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

iMamelodi Sundowns iza kuthathana neRichards emdlalweni weMTN8 oza kube useLucas Moripe Stadium.

Image: Facebook

Amaqela asibhozo aza kuvula isizini entsha ngempelaveki ngemidlalo yeMTN8 ekulindeleke ukuba itsale umdla wabantu abaninzi. Phakathi kwemidlalo eza kube ijongwe ngamehlo abomvu ngoweMamelodi Sundowns neRichards.

La maqela mabini aza kuthathana emdlalweni weMTN8 ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngeCawe, eLucas Moripe Stadium. Umdlali wasemva, uKeanu Cupido, ucacisele iintatheli izolo ngokubaluleka kweMTN8 kwisizini entsha emva kokuba iSundowns iqale amalungiselelo wayo kutshathe.

Emva kokuqhuba kakuhle kwiFifa Club World Cup, ngoku iSundowns ijonge ukuthatha indebe yeMTN8 ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Nangona iSundowns iphumle kancinci - kodwa uCupido uthi abadlali bakulungele ukuthatha apho bayeke khona kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eMelika.

"Ukuphumla kuthi bekubalulekile ngaphezulu kwexesha esibuyele ejimini ngalo. Amalungiselelo wethu athathe iiveki ezimbini asifanele," utshilo uCupido odlaliswe noGrant Kekana ngethuba kudlalwa kwiClub World Cup.

Idabi lokuphumelela indebe yeMTN8 liza kuba nzima njengesiqhelo. Kodwa emva kokuyiphosa kwisizini egqithileyo, iSundowns izimisele ukuvula isizini ngokuthatha iMTN8. "Kubalulekile ukuqhubela phambili nomsebenzi esiwenze kwiClub World Cup.

"Bekungekho sidingo samalungiselelo athatha ixesha elide ngoba akukho badlali abaninzi abatsha eqeleni lethu. Sithethile ngomdlalo esiza kudibana kuwo neRichards Bay nesifuna kwenzeke kwisizini yonke. Ukuba singathatha le ndebe, ingafunqula ukuzithemba kwabadlali. Yiyo lo nto sifuna ukuyiphumelela," utshilo uCupido.