ULucas Ribeiro uzuwolele imali eninzi emva kwamawonga awafumene kwiPSL.
Image: MS/Facebook
Emva kokuzuza amawonga amane, uLucas Ribeiro, ugoduke esindeka yimali emva komsitho wamawonga wePremier Soccer League obungoLwesibini ebusuku. URibeiro odlalela iMamelodi Sundowns noRelebohile Mofokeng odlalela i'Orlando Pirats ngabona badlali abathe bafumana amawonga amaninzi futhi abalulekileyo.
Okuzuzwe ngaba badlali bobabini akothusanga ngoba ngabona badlali abagqwesileyo isizini yonke yePSL kunyaka ka2024/25. Abalandeli bebhola ekhatywayo bebohlukene phakathi ngoyena mdlali ofanele liwonga eliphambili xa kuvalwa isizini.
URibeiro ufumene iwonga lomdlali wonyaka (Player of the season), ovotelwe ngabanye abadlali (Players' player of the season), elomdlali ofake amagowuli amaninzi newonga legowuli eliqaqambileyo. Ngokuphumelela kwakhe uRibeiro, ufake epokothweni imali engaphezulu kwesiqingatha sesigidi serandi (R5500 000).
Iwonga lomdlali wonyaka lihambe nemali engaphezulu kwamakhulu amabini amawaka erandi (R250 000), avotelelwe kulo ngabanye abadlali likhatshwe yimali engamakhulu amabini amawaka erandi (R200 000). Iwonga lakhe lamagowuli angamashumi amabini ananye (21) limnike amashumi amahlanu amawaka erandi (R50 000) elokugqibela nalo limnike amashumi amahlanu amawaka erando (R50 000).
Emva kokudlala kwakhe kakuhle kwisizini egqithileyo nakwiFifa Club World Cup, kuvakala iindaba ezithi kukho amaqela azimisele ukumthenga uLucas Riveiro. Akukacaci nokuba iMamelodi Sundowns iza kuvuma kusini na - kodwa kungenzeka imkhululo ngoba iza kufumana imali eninzi kakhulu kwintengiso yakhe.