UGabriela Salgado wenze utyando oluyimpumelelo kwaye akazukudlala ibhola ekhatywayo unyaka wonke.
Image: Samuel Shivambu/BackpagePix
Umdlali waseMzantsi Afrika odlalela iqela lesizwe lebhola ekhatywayo yabasetyhini, uGabriela Salgado, uye watyandwa ngempumelelo emva kokwenzakala ngendlela emasikizi kumdlalo waBanyana Banyana kunye neNigeria yeCAF Women’s Africa Cup of Nations (Wafcon). Akazukudlala unyaka wonke njengoko elulama.
USalgado uye wenziwa utyando kwizibhedlele iMohamed VI University Hospital eCasablanca, eMorocco, ngoLwesithathu, umhla wama23 kweyeKhala 2025.
Ugqirha waBanyana Banyana, uGqirha Lindi Mokoena, uthe uSalgado wophuke ithambo kumlenze wakhe wasekhohlo ngethuba bedlala neNigeria kwaye wenziwe utyando oluyimpumelelo kwisibhedlele iMohamed VI University Hospital eCasablanca.
"Akazukudlala unyaka wonke, kodwa siyavuya kuba efumene ukhathalelo olukhethekileyo elisuka kwiqela lezonyango laBanyana Banyana, CAF kunye nesibhedlele.
"Sasithembele ngokupheleleyo nangokukhululekileyo kutyando olwenziwa eMorocco kwaye singathanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kwiCAF kunye nabasebenzi abazinikeleyo besibhedlele iMohamed VI University Hospital ngobuchule babo kunye nenkxaso encomekayo ngeli xesha," utshilo uGqirha Mokoena.
Ingxelo yaBanyana Banyana ithi eli qela lityelele uSalgado esibhedlele ngobusuku bangoLwesibini emva kokuba ezinzile kulandela ukwenzakala.
Abadlali abambalwa beqela laseNigeria baye esibhedlele ukuya kumndwendwela ngoLwesithathu, kwaye bamnika ijezi yeSuper Falcon etyikityiweyo.
"Usapho lonke lweSuper Falcons yaseNigeria, ukusuka kubadlali kunye nabaqeqeshi ukuya kubasebenzi babekhathazekile kakhulu xa beva ngokwenzakala okumasikizi okwenzeke kuGabriela Salgado kumdlalo wayizolo [ngoLwesibini].
"Simnqwenelela intuthuzelo, inkathalo, kuhambo lwakhe lokululama. Sibeka uGabriela, abadlali beqela lakhe, usapho lwakhe kunye nabahlobo abasondeleyo ezintliziyweni zethu, sithumela iminqweno yethu enzulu yamandla kunye nokomelela," said the Nigerian team in a report.
UMongameli uCyril Ramaphosa naye uthumele umyalezo obonisa inkxaso kumdlali uSalgado.
ABanyana Banyana baza kudlala neGhana ngoLwesine ukubona ukuba leliphi iqela eliza kuba kwindawo yesithathu nakwindawo yesine kule tumente ngentsimbi yethoba ebusuku eLarbi Zaouli Stadium eCasablanca.