Ezemidlalo

UYusuf Maart ulamkele ngovuyo ithuba lokudlala eYurophu

Pedro Mapelo|Published

UYusuf Maart obekade edlalela iKaizer Chiefs have, ngoku uza kudlalela iSV Reid emthengileyo phambi kokuqala kwesizini.

Image: Backpagepix

Obedlalela iKaizer Chiefs, uYusuf Maart, ulamkele ngovuyo olukhulu ithuba lokudlala ibhola ekhatywayo eYurophu. Ekuqaleni kwale veki, kuye kwaqinisekiswa ukuba uMaart uza kudlalela iqela lebhola ekhatywayo ekuthiwa yiSV Ried, eAustria.

Iingxelo zamajelo eendaba zithi iSV Reid ithenge uMaart ngemali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi elinesihlanu zerandi (R15-million). Ngeke alityalwe ngabalandeli beKaizer Chiefs asuka kuyo uMaart emva kokuba igowuli lakhe liyikhuphe endlaleni yeminyaka elishumi kwiinyanga ezidlulileyo

Emva kokuvumelana neqela laseYurophu, uMaart, okhokele iChiefs ngelona xesha elinzima, ulamkele ngezandla zozibini ithuba lokuqaqambisa italente yakhe kwelinye ilizwe. "Eli lithuba elihle kum lokudlala eYurophu. Ndikuvuyela kakhulu ukuqala indawo entsha," utshilo uMaart odlalele iChiefs ukusukela ngonyaka ka2022.

Noxa eyidlalele ngexesha elinzima, ihamba kakuhle eyifumene indebe yeNedbank kwisizini egqithileyo. Noxa wayengumdlali waBafana Bafana - kodwa uHugo Broos wabavala abadlali beChiefs ngelithi ayidlali kakuhle.

"Ndizimiseleke ukudlala ngokuzimisela kumdlalo ngamnye endiwunikwayo. Ebholeni yalapha kusetyenziswa kakhulu amandla - kodwa ndizimisele ukwenza igalelo elibonakalayo," utshilo uMaart emva kokufika eYurophu. Nangona ebengathandwa ngabanye abalandeli ngenxa yeempazamo - kodwa uMaart uvalelise ngamazwi amnandi.

"Mandibulele ithuba lokudlalela iChiefs - elinye lamaqela amakhulu kwizwekazi le'Afrika. Ndakuhlala ndizingomba isifuba ngokudlalela iChiefs. Mandibuyelele bonke abaqeqeshi abandiqeqeshileyo. "Ulwazi nobulumko benu bundenze umdlali endinguye namhlanje.

"Koogxa bam kwiChiefs ndithi enkosi. Soze ndililibale ixesha endilichithe nabo - kodwa ngaphezulu koko ndifuna ukuthi enkosi kubalandeli. Inkxaso yenu ngamaxesha obunzima ibiyinkuthazo kum," utshilo uMaart odlulise ilizwi lombulelo kwiSekhukhune United awagqama kuyo phambi kokuthathwa yiChiefs.