Mokwena open to Pirates return Owangumqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uza kuba ngumqeqeshi weMC Alger.
Image: Mehrez Toujani/BackpagePix
Emva kokufumana umsebeni omtsha kwiveki ephelileyo, uRhulani Mokwena ugqibe kwelokuba athathe abantu abathembileyo njengabancedisi bakhe. Oku kuqinisekiswe nguye uqobo kwintetho ayenze kwiMetro FM.
NguSibusiso Mahlangu noWendell Robinson ngabancedisi bakhe abatsha aza kubadibanisa nabanye abanikwe liqela lakhe. URobinson noMahlangu ngabantu awasebenza nabo kwiMamelodi Sundowns - kodwa abachithwayo nabo emva kokugxothwa kwakhe nakubeni ebeqhube kakuhle kunyaka ophelileyo.
UMokwena uchithe phantse isizini yonke kwiWydad Athletic Club aye wohlukana nayo ngenxa yeziphumo ezingazange zibancumise abaphathi bakhe. Omnye wabancedisi bakhe abatsha nguEnzo Donis waseTogo owakhe wasebenzela iAS Vita.
"Iqela lam elitsha liye lanyanzelisa ukuba makubekho abantu abagcinwayo. Ndiyamkele lo nto ngoba banalo ulwazi ngendlela iqela elisebenza ngayo. Balazi kakuhle iqela futhi nam ndinethemba lokuba siza kubakha ubudlelane kungekudala," utshilo uMokwena
"Ndiqonde ukuba mandithathe uWendell Robinson ngoba wenza umsebenzi omhle kwicandelo loonozinti. Kanti kwelinye icala ndinaye uDonis obekhe wasebenza kwiAS Vita - kodwa osuka eBelgium ngoku. Naye uye wakhetha ukushiya umsebenzi kwiqela lesizwe eTogo emva kokwamkela ukusebenza nathi.
"Ukufika kwakhe kuza ndinceda ngoba kwelinye icala ndinoSbu Mahlangu oza kuqinisekisa isimo sabadlali," utshilo uMokwena ozenzele igama elihle ebholeni ekhatywayo ngethuba engumqeqeshi weSundowns.