Ezemidlalo

UChislett uthi linye iqela elingamisa ukugqugqisa kweMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

UEthan Chislett unethemba lokuba iKaizer Chiefs iza kukwazi ukulwa neMamelodi Sundowns egqugqisayo kwiBetway Premiership.

Image: KC/Facebook

Sekushiyeke iiveki ezimbini kuphela kuqale isizini yePremier Soccer League kwinyanga ezayo. Amaqela amaxhaphetshu kwiindawo ngeendawo alungiselela kuzo ukudlala imidlalo yawo yokuvula isizini.

Yiminyaka elishumi yonke kutshila phambili iMamelodi Sundowns ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika. Eminyakeni egqithileyo, iOrlando Pirates izamile ukuyiwisa iSundowns, kodwa yoyiswa. Ayiqhubanga kakuhle iKaizer Chiefs kwiisizini ezigqithileyo zilandelelana. Ngoku umbuzo uthi: ikhona na into engalindelwa kuyo?

Njengeqela elikhulu, kufanelekile izame ukubuyisa isidima sayo ngokuphakamisa iindebe. Kufanele iqale isizini elandelayo kukho ukufunquka kwethemba ngoba iChiefs ikwazile ukuphumelela iNedbank Cup kwatsho kwagwetywa indla yeminyaka elishumi yonke.

Amakhosi abila esoma eNetherlands apho alungiselela khona isiqalo sesizini ka2025/26. Nangona sele ebethwe emidlalweni yokucweya emithathu, kodwa uEthan Chislett, ongumdlali ofikayo, unoluvo oluthi ngaphandle kweChiefs, alikho elinye iqela kwiPSL elingaphelisa ukugqugqisa kweSundowns.

Le ndedeba yaseThekwini ngokuzalwa, kodwa esuka eNgilane apho ibidlala khona, igaleleke eNaturena ekuqaleni kwale nyanga yeKhala nolunye ugxudululu labadlali ekulindeleke bancede Amakhosi.

Abanye abadlali abatsha nguFlavio Silva osuka ePortugal, uNkanyiso Shinga obedlalela iFC Alverca, uSiphesihle Ndlovu obedlalela iSuperSport United ebhangileyo, uThabiso Monyane noPaseka Mako abasuka kwiPirates. UChislett uthi iqela elakhiwayo enkampini linawo amandla okubhukuqa iSundowns engeva ntambo.

"Ndiyazi ukuba bekukhonya iMamelodi Sundowns eminyakeni edlulileyo kwiBetway Premiership. Kodwa ndifuna ukutsho ukuba yile Chiefs entsha kuphela iqela elingakwazi ukususa iSundowns kwindawo ekuyo," utshilo uChislett kutshanje.

Amakhosi aza kubuyela ekhaya kwiveki ezayo ngoba kwiveki ezayo aza kudibana neqela laseGhana ekuthiwa yiAsante Kotoko Sporting Club emdlalweni weToyota Cup ekulindeleke ukuba utshayelele ukuqala kwesizini eMoses Mabhida Stadium edume ngokusingatha imidlalo emikhulu.