UPhumelela Cafu ulungiselela ukudibana noJesse Rodriguez emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngoMgqibelo.
Image: Facebook
Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni, uPhumelela 'The Truth' Cafu, isecicini lokwenza imbali phantsi kwegama layo emlweni ekulindeleke utake iintlantsi ngempelaveki. Oku kulindeleke kwenzeke xa uCafu evan' amandla noJesse 'Bam' Rodriguez emlweni oza kube useFord Centre, eTexas, eMelika, ngentseni yangoMgqibelo.
Lo ngumlo obaluleke kakhulu kuPhumelela Cafu oyintshatsheli yeWBO Junior-Bantamweight. Uya kuRodriguez oyintshatsheli yeWBC neThe Ring Magazine enexabiso ephezulu kakhulu kwicandelo lamanqindi. UCafu nomqeqeshi wakhe, uColin Nathan, baneeveki eziliqela bezinze eLas Vegas ngoba ukuphumelela umlo ngoMgqibelo yinto ebaluleke kakhulu kubo bobabini.
Emva kokuphekwa kwisitali sikaTrudi Nevins ekuthiwa yiDLX Boxing Gym, uCafu uxelele iSA Boxing Talk ukuba ukulungele ukudibana noRodriguez eqongeni ngempelaveki. Nangona uCafu kusithiwa ngeke amoyise uRodriguez ngabantu baseMelika, yena ufumana ithuba elihle lokubonisa ukuba akayontshatsheli ngempazamo emva kokuphumelela yonke imilo yakhe kudidi oluphezulu emanqindini.
Phambi kokuhamba kwabo eLas Vegas, uNathan uvumile ukuba umqobe ngokwaneleyo uCafu noko akafuni kufike umhla womlo engekho kwisimo esihle. Nangona ebonwa njengedyongo yinkampu kaRodriguez, kodwa yena uCafu uza kulwela ukuphumelela umlo abuyele ekhaya eyintshatsheli okwesibini ebomini bakhe.
"Zange ndacinga ukuba ngenye imini ndiza kube ndisilwela iRing Magazine. Entlokweni yam sendinemibona yangala mhla womlo, andazi ukuba kutheni," utshilo uCafu ogxeleshe ukuzuza impumelelo. "Sendingxamele umlo mna xa ndithetha inyaniso. Njengoko ndihlala ndisitsho, mna ndifuna ukulwa neembethimanqindi ezingoompondo zihlanjiwe.
"Ndiyakholwa ukuba uRidroguez ngomnye weembethimanqindi eziphambili kwihlabathi. Yimilo efana nale endenza ndivuke nokuba bendingafuni ukuvuka. Zimbini izinto endifuna zenzeke emlweni; ndiza kulawula umlo okanye ndimwise uRodriguez.
"Ingenzeka lo nto ngoba ndizimisele kakhulu kumalungiselelo wam. Ndiza kwenza ngako konke okusemandleni ngoba ndifuna ukuphumelela. Injongo yam kukuba yimbethimanqindi ephambili kwihlabathi lonke," utshilo uCafu.