Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni phambi kokuntingela eDenmark kule veki.
Image: Uthunyelwe
Umqeqeshi weKeep Active Development, uLwazi Sahula, uthi abadlali bakhe bakulungele ukuthatha inxaxheba kweyona tumenye yebhola ephambili eYurophu. Sele iyinto eqhelekileyo ngoku kuSahula ukuthatha abadlali abangaphantsi kweshumi elinesithandathu leminyaka eMpuma Koloni abanike ithuba lokuziva amandla kwiintanga zabo eziphuma kwamanye amazwe.
Nakulo unyaka akukho mahluko, ishumi elinesine labadlali liza kuntingela eDenmark apho liza kuthatha inxaxheba kwiThe Dana Cup esele inike ithuba lokudlala izigidi zabadlali abasakhulayo ukusukela ngonyaka ka1982.
Ngenxa yokunqaba kwenkxasomali, uhamba neqela elibhityileyo ngokwenani kulo nyaka, kodwa nangona kunjalo, uthi unethemba lokuba abafana bakhe baza kuqhuba kakuhle eDenmark. "Sibalishumi elinesihlanu ngam kulo nyaka. Ndinethemba lokuba asobe siphoxwe kukonzakala kwabadlali," utshilo uSahula, osoloko eqokelela abadlali abatsha unyaka nonyaka.
Ngumsebenzi onzima lo awenzayo ngoba uziindleko, kodwa kulo unyaka uncedwe kukuba ufumene abadlali abasondele kwindawo asebenzela kuyo eGqeberha. Into ephambili kuye kukuveza italente yabadlali baseMpuma Koloni nokubanika ithuba lokudlala kweyona tumente enkulu eDenmark apho naye wayefumene khona ithuba lokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu.
"Injongo ephambili kum kukuveza italente yabadlali esinabo. Singavuya ukuba kungakho umdlali wethu oqatshelwayo nokuba mnye. Ngaphezulu kokudlala kwiDana Cup, sinemidlalo yobuhlobo esizimisele ukuyidlala namaqela endiwaziyo phaya. Ndifuna abadlali endihamba nabo bafumane amava kangangoko," utshilo umqeqeshi weKeep Active Development phambi kokuhamba kwabo.
Ukudlala eYurophu yinto eza kubakhuthaza kakhulu abadlali abanqwenela ukudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu ebomini babo. "Into emnandi ngezi tumente kukuba zibabonisa ubomi umntu anobuphila xa ezimisele.
"Abadlali bethu bakulambele ukuphumelela kwiDana Cup. Asithi siza kuyithatha indebe, kodwa ukuba ithuba likhona, siza kuyilwela. Into endingayiqinisekisa kukuba siza kudlala ngokuzimisela," utshilo uSahula ozama ukuvulela abadlali abasakhulayo amathuba okudlala eYurophu.